9 bafake imixwayo, bathwale iminqwazi yabo. Le ke yindlela oya kummisela ngayo uAron noonyana bakhe; ububingeleli iya kuba ngummiselo wabo nanini nanini.
10 “Uze uthathe inkunzi yenkomo, uze nayo ngasesangweni lesibingelelo. UAron noonyana bakhe mababeke izandla zabo phezu kwentloko yayo.
11 Yixhelele phambi koNdikhoyo apho ngasesangweni lesibingelelo.
12 Yithi nkxu igazi ngomnwe, uqabe iimpondo zeqonga lamadini ngalo. Inxalenye yegazi ke yigalele emazantsi eqonga elo.
13 Ngoku thatha umhlehlo, nenxalenye yesibindi, izintso zombini, ndawonye namanqatha azo, uzitshise phezu kweqonga lamadini.
14 Ke yona inyama yenkunzi leyo, ufele, ndawonye nezibilini, uya kuzitshisela ngaphandle komzi. Eli ke lidini lokususa izono.
15 “Kwakhona thatha enye yeenkunzi zegusha, aze uAron noonyana bakhe babeke izandla zabo phezu kwentloko yayo.