1 Ngoku ke uMosis wayesalusa imihlambi kaJetro umbingeleli waseMidiyan, uyise womkakhe. Wayikhokela ke imihlambi leyo, wanqumla entlango, wada waya kufika eHorebhe intaba kaThixo.
2 Apha kulapho sabonakalayo kuye isithunywa *sikaNdikhoyo etyholweni elidangazela umlilo. Uthe ke akuqwalasela uMosis wabona ukuba okunene ityholo liyavutha, kodwa alide litshe.
3 Wathetha yedwa wathi: “Makhe ndisondele ndibone lo mhlola! Ngani ukuba ityholo lingatshi?”
4 *UNdikhoyo wathi akubona ukuba uMosis uyasondela efuna ukuqonda lo mbono, wamkhwaza esetyholweni apho, wathi: “Mosis! Mosis!”Wasabela ke yena wathi: “Ewe, ndim lo.”
5 UThixo wathi kuye: “Sukusondela; khulula iimbadada ezo, kuba le ndawo umi kuyo yindawo eyodwa.” Wandula wathi uThixo kuye: