10 Kanye ngonyaka uAron makalihlambulule eli qonga ngokwenza idini lokucamagusha. Uya kuthatha igazi lelo dini lesono, aqabe iimpondo zalo. Lo mmiselo ke mawenziwe minyaka le, ungaze uyekwe. Ngokwenjenjalo ke eli qonga liya kuba nyulu ngokugqibeleleyo kuNdikhoyo.”
11 *UNdikhoyo ke wathi kuMosis:
12 “Ngexesha lobalo lwamaSirayeli umntu ngamnye aze akhuphe umrhumo wokucamagushela ubomi bakhe, khon' ukuze kungabikho shwangusha elubalweni apho.
13 Wonke umntu obalwayo makakhuphe iqhekeza lesiliva liqulunqwe ngokomlinganiselo ovunyiweyo. Ewe wonke ubani makahlawule le mali, ibe ngumnikelo wakhe kum.
14 Lilonke ke, mntu wonke ubalwayo ukuqalela kominyaka ingamashumi amabini ukunyuka, makawukhuphe loo mrhumo.
15 Uyabona ke, kuloo mrhumo wobomi babo akukho sityebi nahlwempu, koko bonke baya kukhupha ngokulinganayo umlinganiselo lowo umisiweyo.
16 Le mali ke yiqokelele kuwo onke amaSirayeli, ize isetyenziswe ekuxhaseni *isibingelelo. Lo mrhumo ke sisicamgushelo sobomi babo, khon' ukuze ndihlale ndibakhumbula ndibakhusele.”