25 wenze isiqholo esingamafutha anyulu avumba limnandi, axutywe lichule.
26 Ngawo ke thambisa intente *yesibingelelo, ityesi enobungqina bomnqophiso,
27 itafile namasolotya ayo, isibane nobuxhaka-xhaka baso, iqonga lesiqhumiso,
28 iqonga lamadini nokwalo, kunye nesitya sokuhlambela nesiseko saso.
29 Wakuba uzihlambulule ngolu hlobo ke ezi zinto ziya kuba nyulu ngokupheleleyo, ngokunjalo ke nantoni na ezichukumisayo iya kuba nyulu.
30 Thambisa uAron noonyana bakhe, ubamisele babe ngababingeleli bam.
31 Waxelele amaSirayeli ukuba la mafutha ngawam kuphela kude kube zizizukulwana ngezizukulwana.