29 Wakuba uzihlambulule ngolu hlobo ke ezi zinto ziya kuba nyulu ngokupheleleyo, ngokunjalo ke nantoni na ezichukumisayo iya kuba nyulu.
30 Thambisa uAron noonyana bakhe, ubamisele babe ngababingeleli bam.
31 Waxelele amaSirayeli ukuba la mafutha ngawam kuphela kude kube zizizukulwana ngezizukulwana.
32 Umntu nje ongomnye angàze athanjiswe ngawo. Kwaye futhi ungàze uthathe le migqalisela axutywe ngayo wenze amafutha nje. Kaloku anyulu; ngoko ke wahloniphe.
33 Nabani na owenza amafutha afana nawo, okanye osebenzisa la mafutha mntwini wumbi ungengombingeleli, uya kusikwa phakathi kwabantu bam.”
34 *UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Thatha umlinganiselo ofanayo wezi ntlobo zobulawu: isitakate, ionirha, igalbhano, nentlaka yokuqhumisa yoqobo.
35 Yenza ngazo umxube wesiqhumiso esivumba liyolileyo. Sithi saa ityiwa, sihlambuluke sibe nyulu.