2 “Uyabona ke, uBhezaleli unyana kaUri umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, ndimnyule.
3 Ndimzalise ngoMoya wam, ndamthi jize ngokuqonda, ubuchule, nabo bonke ubugcisa;
4 ukucwangcisa nokuyila esebenza ngegolide, isiliva, nobhedu;
5 ukukrola nokuqingqa amatye, nokuchwela, nawo wonke umsebenzi wobugcisa.
6 Kanti ke noHoliyabhi, unyana ka-Ahisamaki wendlu kaDan, ndimtyumbile ukuba ancedisane noBhezaleli. Naye ke ngokunjalo bonke ubuchule nobugcisa ndimphile, khon' ukuze babe nako ukuyenza yonke into endiyalela ukuba yenziwe:
7 *isibingelelo, ityesi yomnqophiso nesivalo sayo, nezixhobo nako konke okuhamba nesibingelelo;
8 itafile namasolotya ayo, isibane esenziwe ngegolide yoqobo nokwaso, iqonga lesiqhumiso,