6 Kanti ke noHoliyabhi, unyana ka-Ahisamaki wendlu kaDan, ndimtyumbile ukuba ancedisane noBhezaleli. Naye ke ngokunjalo bonke ubuchule nobugcisa ndimphile, khon' ukuze babe nako ukuyenza yonke into endiyalela ukuba yenziwe:
7 *isibingelelo, ityesi yomnqophiso nesivalo sayo, nezixhobo nako konke okuhamba nesibingelelo;
8 itafile namasolotya ayo, isibane esenziwe ngegolide yoqobo nokwaso, iqonga lesiqhumiso,
9 iqonga lamadini atshiswayo nezixhobo zalo, isitya sokuhlambela nesiseko saso;
10 ezo zivatho zingayiwayo zobubingeleli zika-Aron noonyana bakhe, abaya kuzisebenzisa xa befezekisa umsebenzi endibanike wona;
11 amafutha okuthambisa, neso siqhumiso sivumba limnandi segumbi elingcwele. Zonke ke ezi zinto mabazenze matwa nendlela endikuyalele ngayo.”
12 *UNdikhoyo wathi uMosis