24 Ndithe ke kubo: ‘Ndinikeni izinto zegolide eninazo,’ baza ke benjenjalo. Ndasuka ke ndaziphosa emlilweni, kwee gqi le nkunzi.”
25 UMosis ke waqonda ukuba uAron uvule zabhuqa, baza abantu benza unothanda, bazenza intlekisa nasezintshabeni.
26 Ngoko ke wasuka wema esangweni, wathi: “Bonke *abangakuNdikhoyo mabaphume ngapha!” Ke kaloku kwaphuma yonke indlu kaLevi,
27 waza wathi kubo: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Umntu ngamnye kuni makathathe ikrele, aqale kweli sango, aye kuphuma kweliya lingaphaya, ebinza elalis' ugodo, kumtakwabo, isihlobo, ngokunjalo nommelwane wakhe.’ ”
28 AbaLevi abo ke benza ngokwaloo myalelo, baza ke babulala amawaka amathathu amadoda ngaloo mini.
29 UMosis ke wathi kubaLevi: “Niyabona ke, namhlanje, ngokubulala abantakwenu noonyana benu, niye naba ngababingeleli bokubusa uNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo unithamsanqele.”
30 Ngengomso ke uMosis wathi ebantwini: “Nenze isono esilumezayo. Naxa kunjalo ndiza kuphinda ndiye entabeni kuNdikhoyo, ukuze ndenze isingxengxezo ngenxa yesono senu.”