1 *UNdikhoyo wathi kuMosis: “Hamba apha, wena nabo bonke abantu owabakhokelayo waphuma nabo eJiputa, usingise kwilizwe endabathembisa lona ngesifungo uAbraham, uIsake, noYakobi, ndisithi: ‘Loba lelezizukulwana zenu.’
2 Ndiya kuthumela isithunywa sinikhaphe, siwagxothe amaKanana, ama-Amori, amaHiti, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.
3 Hambani niye kwelo lizwe lendyebo nentlutha. Kambe ke mna andizukuhamba nani, hleze ndisuke ndinitshabalalise ningekafiki, kuba niluhlanga oluneenkani.”
4 Athe ke amaSirayeli akuziva ezi ndaba zibuhlungu, asuka azila, azikhulula iintsimbi awayehomba ngazo.