3 Hambani niye kwelo lizwe lendyebo nentlutha. Kambe ke mna andizukuhamba nani, hleze ndisuke ndinitshabalalise ningekafiki, kuba niluhlanga oluneenkani.”
4 Athe ke amaSirayeli akuziva ezi ndaba zibuhlungu, asuka azila, azikhulula iintsimbi awayehomba ngazo.
5 Kaloku uNdikhoyo wayethe kuMosis: “Xelela amaSirayeli: ‘Niluhlanga oluneenkani, ngoko ke andizukuhamba nani, kuba xa bendinokuhamba nani nomzuzwana lo, bendiya kusuka ndinitshabalalise. Zikhululeni iintsimbi zesihombiso; ndisaza kuyibona into endiza kunenza yona.’ ”
6 Ngoko ke amaSirayeli azikhulula iintsimbi nezinye izihombiso zawo ukunduluka kwawo kwintaba iHorebhe.
7 Ke kaloku kolu hambo lwawo amaSirayeli ayesithi apho emise khona, uMosis agxumeke iintente, emise enye intente mganyana nje nendawo leyo bahlala kuyo. Le ke yayiyintente yokuhlangana; nabani na owayefuna ukuva *kuNdikhoyo wayesiya kuyo.
8 Wayesithi uMosis xa esiya ententeni yokuhlangana amaSirayeli wona eme emnyango ezintenteni zawo, ambukele ade aye kungena.
9 Wayesithi nje ukuba angene uMosis, umqulu welifu uhle ufike uhlale emnyango ententeni apho, aze ke yena uNdikhoyo athethe noMosis.