5 Kaloku uNdikhoyo wayethe kuMosis: “Xelela amaSirayeli: ‘Niluhlanga oluneenkani, ngoko ke andizukuhamba nani, kuba xa bendinokuhamba nani nomzuzwana lo, bendiya kusuka ndinitshabalalise. Zikhululeni iintsimbi zesihombiso; ndisaza kuyibona into endiza kunenza yona.’ ”
6 Ngoko ke amaSirayeli azikhulula iintsimbi nezinye izihombiso zawo ukunduluka kwawo kwintaba iHorebhe.
7 Ke kaloku kolu hambo lwawo amaSirayeli ayesithi apho emise khona, uMosis agxumeke iintente, emise enye intente mganyana nje nendawo leyo bahlala kuyo. Le ke yayiyintente yokuhlangana; nabani na owayefuna ukuva *kuNdikhoyo wayesiya kuyo.
8 Wayesithi uMosis xa esiya ententeni yokuhlangana amaSirayeli wona eme emnyango ezintenteni zawo, ambukele ade aye kungena.
9 Wayesithi nje ukuba angene uMosis, umqulu welifu uhle ufike uhlale emnyango ententeni apho, aze ke yena uNdikhoyo athethe noMosis.
10 AmaSirayeli ayesithi akuwubona umqulu welifu usemnyango apho ententeni yokuhlangana, asuke ee guqaqa anqule.
11 Ke yena uNdikhoyo wayeye athethe noMosis ubuso ngobuso, njengaye nabani na othetha nomhlobo wakhe. UMosis ke wayesithi akugqiba agoduke, kodwa yena uYoshuwa umfana olihlakani lakhe, unyana kaNune, wayesala apho ententeni yokuhlangana.