4 UMosis ke wawaqingqa amacwecwe amabini amatye, waza ngengomso kusasa wenyuka nawo entabeni iSinayi ngokokutsho kukaNdikhoyo, ewaphethe ngezandla.
5 Ke kaloku uNdikhoyo wehla ngelifu, waza wema noMosis apho entabeni, walikhankanya igama lakhe – uNdikhoyo.
6 Waza ke wadlula phambi kwakhe, wandula wathi: “UNdikhoyo nguThixo onemfesane nesisa, oza kade umsindo, ophuphuma izibele nokunyaniseka.
7 Ukunyaniseka kwakhe akujiki nakwizizukulwana ngezizukulwana; abakhohlakeleyo nabanxaxhayo nabonayo uyabaxolela. Kambe ke abanetyala ubohlwaya ade ohlwaye nesizukulwana sabo, aye kufikelela kwesesithathu nakwesesine ngenxa yeziphoso zooyise.”
8 UMosis wasuka wee guqaqa wakhahlela;
9 wambongoza wathi: “Ukuba ngenene ukholisekile ndim, Mhlekazi, sikhaphe. Nakuba siluhlanga oluneenkani nje, buxolele ubugwenxa nesono sethu, samkele sibe lilifa lakho.”
10 UNdikhoyo wathi kuMosis: “Ngoku ke ndenza umnqophiso nani. Ndiya kwenza imimangaliso engazange yenziwe ehlabathini liphela, ngokunjalo nakwizizwe zalo. Kaloku mna Ndikhoyo ndiza kwenza into erhwaqelisayo phakathi kwenu.