30 UMosis wathi kumaSirayeli: “Niyabona, *uNdikhoyo unyule uBhezaleli unyana kaUri umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda.
31 Umzalisile ngoMoya wakhe, wamthi jize ngobugcisa nobuchule nengqiqo ephangaleleyo,
32 ukuze akwazi ukucwangcisa nokuyila nokusebenza ngegolide, isiliva, nobhedu,
33 ukukrola nokuqingqa amatye, nokuchwela, nawo wonke umsebenzi wobugcisa.
34 Yena enoHoliyabhi unyana ka-Ahisamaki wendlu kaDan ubaphile ubuchule bokufundisa abanye ubugcisa.
35 Ubaphe ubuchule beendidi zonke kumsebenzi wabakroli nabayili, nomsebenzi wokusonta amalaphu azuba, amsobo, nabomvu, nazo zonke iindidi zamalaphu. Ewe, bangamachule angawo kuyo yonke imisebenzi yobugcisa nokuyila.