1 “Ngoko ke uBhezaleli noHoliyabhi, nawo onke amagcisa anikwe ezi ziphiwo nokuqonda, anabo ubuchule bokuzenza zonke ezi zinto zifunekayo ekwakhiweni *kwesibingelelo, makazenze zonke zibe matwa nomyalelo kaNdikhoyo.”
2 Ke kaloku uMosis wathetha noBhezaleli noHoliyabhi, nabo bonke abaphiwe ubugcisa nababelangazelela ukunceda, wathi mabaqalise ukusebenza.
3 UMosis wazigqithisela kubo zonke izinto zokusebenza ezazingumnikelo ovela kumaSirayeli ngeenjongo zokwakha *isibingelelo. Baza abantu bathi rhoqo ukuzisa iminikelo yabo ngeentsasa zonke.
4 Amagcisa lawo ayesebenza awuyeka umsebenzi,