1 UBhezaleli wayenza ityesi yomnqophiso ngomngampunzi. Yayiziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude, zingamashumi amathandathu nantandathu ububanzi kwanomphakamo wayo.
2 Wayityabeka ngegolide ngaphandle nangaphakathi, waza ke wayiphetha kwangayo jikelele.
3 Kumanqina ayo omane wayifakela amakhonkco enziwe ngegolide, amabini kweli cala, amabini kweliya.
4 Kwakhona wenza imiqobo yokuphatha, wayityabeka ngegolide,
5 wayifaka kulaa makhonkco ngapha nangapha, ukuze ibe nokuthwalwa.
6 Wathatha igolide, wenza isivalo setyesi. Sasiziisentimitha ezilikhulu elineshumi ubude, zingamashumi amathandathu anantandathu ububanzi.
7-9 Wathatha igolide, wabumba *izithunywa ezimaphiko zambini, wazenza zaba yinto enye nesivalo eso, zamiswa ngapha nangapha phezu kwaso zijongene, athi ke naloo maphiko azo athe naa agubungela isivalo eso.