16 Umkhusane wenkundla jikelele wawenza ngelaphu elisontwe ngobuchule.
17 Iziseko zeentsika wazenza ngobhedu; ke wona amahaki nemiqadi wayenza ngesiliva, futhi neentloko zeentsika wazityabeka kwangayo. Iintsika zenkundla zonke wazidibanisa ngemiqadi yesiliva.
18 Umkhusane wesango lenkundla wawenza ngelaphu elisontwe ngobuchule, liyile mibala: ozuba, omsobo, obomvu, wawaqhoqhonya wawahombisa ngobunono. Umkhusane wawuziimitha ezilithoba ubude, zimbini ukuphakama, kwanjengalowo wenkundla.
19 Lalixhaswe ziintsika ezine, zimi ngeziseko ezikwazine zobhedu. Iintloko zeentsika wazityabeka ngesiliva, futhi namahaki nemiqadi wayenza kwangayo.
20 Zonke izikhonkwane zesibingelelo ndawonye nenkundla jikelele wazenza ngobhedu.
21 Nabu ubungakanani bezinto ezasetyenziswayo ekwakhiweni *kwesibingelelo apho kwakuhlala khona amacwecwe amabini amatye ekwakubhalwe kuwo imithetho elishumi. Uludwe olu lwagunyaziswa nguMosis, lwenziwa ngabaLevi, bekhokelwa nguItamare unyana ka-Aron.
22 UBhezaleli unyana kaUri, umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, wenza yonke into ngokomyalelo *kaNdikhoyo.