21 Nabu ubungakanani bezinto ezasetyenziswayo ekwakhiweni *kwesibingelelo apho kwakuhlala khona amacwecwe amabini amatye ekwakubhalwe kuwo imithetho elishumi. Uludwe olu lwagunyaziswa nguMosis, lwenziwa ngabaLevi, bekhokelwa nguItamare unyana ka-Aron.
22 UBhezaleli unyana kaUri, umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, wenza yonke into ngokomyalelo *kaNdikhoyo.
23 Ugxa wakhe uHoliyabhi, unyana ka-Ahisamaki, wendlu kaDan, wayengumkroli nomyili, engumluki wamalaphu asontwe ngobugcisa: azuba, amsobo, nabomvu.
24 Iyonke igolide eyanikelwa kuNdikhoyo ngenjongo yokwakha isibingelelo yayiliwaka leekhilogram ubunzima ngokomlinganiselo ovunyiweyo.
25 Yona isiliva yomnikelo wababaliweyo yayingamawaka amathathu, makhulu omane anamashumi amathathu eekhilogram ubunzima.
26 Le mali ke ngumrhumo owakhutshwa ngabo bonke abantu ababalwayo, bekhupha ngokomlinganiselo omisiweyo. Inani lamadoda abalwayo angaphezu kwamashumi amabini ubudala ayengamakhulu mathandathu nantathu amawaka, makhulu mahlanu, mashumi omahlanu.
27 Kule siliva ke amawaka amathathu anamakhulu amane eekhilogram asetyenziswa ekwakheni ikhulu leziseko zesibingelelo nomkhusane. Iikhilogram ezingamashumi amathathu anane zaba zezesiseko ngasinye.