12 kuludwe lwesithathu yaba yitekoyisi, iagati, neamatiste;
13 kwaza kolwesine yaba yibherile, ikarneli, nejaspa. Onke ke bawaqhobosha ngesipeliti segolide.
14 Kwilitye ngalinye ke bakrola amagama oonyana bakaYakobi abamele izindlu ezilishumi elinambini zikaSirayeli.
15 Isikhuselo-sifuba basenzela amatsheyini amabini aphothwe ngemingqa yegolide.
16 Benza izipeliti zazibini ngegolide, ngokunjalo namakhonkco amabini egolide, baza bawanxibelela kwiikona zesikhuselo-sifuba ezingasentla.
17 La matsheyini mabini bawarhintyela kula makhonkco mabini egolide,
18 baza baqhagamshela la macala mabini amatsheyini aseleyo kula makhonkco mabini, bawabamba ngezaa zipeliti zibini. Ngolo hlobo ke abhijela ngaphambili aya kuqhagamshela kwimixwayo yesidanga.