5 Ibhanti yayo entle kunene, eyenziwe kwangelo laphu, bayithungela ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis.
6 Bathatha amatye ekarneli, bawalungisa bawafakela izipeliti zegolide. Kula matye ke kwakukrolwe ngobugcisa obukhulu amagama oonyana bakaYakobi abalishumi elinambini.
7 Bawafakela kwimixwayo yesidanga ukuze abe sisikhumbuzo ngoonyana bakaSirayeli abalishumi elinambini ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.
8 Isikhuselo-sifuba basenza kwangezaa zinto senziwe ngazo *isidanga, nangobugcisa obukwanjalo.
9 Basenza sangumphindo olinganayo, ubude nobubanzi baziisentimitha ezingamashumi amabini anambini.
10 Basiqhoqhonya ngemiqolo emine yamatye exabiso. Kowokuqala yaba yirubhi, itopazi, negarneti;
11 kowesibini yaba yiemeraldi, isafire, nedayimani;