4 uNdikhoyo wathi: “Yibambe ngomsila.” Ngenene ke wayibamba, yaza yajika yayintonga kwakhona.
5 Ke uNdikhoyo wathi: “Uya kwenjenjalo ke ukuze amaSirayeli aqonde ukuba ubonene noNdikhoyo uThixo wookhokho bawo: uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.”
6 Waphinda wathetha naye uNdikhoyo wathi: “Qhusheka isandla sakho ngaphantsi kwesambatho sakho.” Wasifaka ke, wabuya wasikhupha, suka saphuma simhlophe qhwa liqhenqa.
7 Waza wathi uNdikhoyo kuye: “Phinda usiqhusheke.” Akuba ephindile, wabuya wasikhupha, sabuya siphilile sifana nenxalenye yomzimba wakhe.
8 Waqhuba wathi uNdikhoyo kuye: “Ukuba abakholwanga ngumqondiso wokuqala, noko baya kwanela ngulo wesibini.
9 Xa ke benganeliseki yile miqondiso mibini, bengafuni nokukuphulaphula, uze ukhe amanzi emlanjeni iNayile, uwagalele emhlabeni; uya kubona ke aya kujika abe ligazi.”
10 Kambe ke uMosis waphendula uNdikhoyo wathi: “Hayi, Mhlekazi, kaloku andizange ndibe liciko ekuthetheni; ibe ke nangoku okoko wathethayo nam, andikwazi ukuthetha; ndilithintitha.”