12 “Kwakhona ke uya kubiza uAron noonyana bakhe, beze esangweni lesibingelelo, ubahlambe ngamanzi.
13 Ngoku ke uAron makavathe ezobubingeleli, umthambise ummisele abe ngumbingeleli.
14 Noonyana bakhe bathi wambu ngeyabo iminweba.
15 Kwanjengoyise nabo bathambise, ubamisele ebubingelelini. Ewe, ngokubathambisa uya kuba ubamisela ukuba babe ngababingeleli bona nazo zonke izizukulwana zabo.”
16 Ke kaloku yonke le nto uMosis wayenza kanye ngokomyalelo lowo kaNdikhoyo.
17 Ngoko ke kwathi ngomhla wokuqala, kwinyanga yokuqala, ngonyaka wesibini bemkayo eJiputa, samiselwa isibingelelo.
18 Ukumisa kukaMosis isibingelelo wenjenje: wazimisa iziseko eendaweni zazo, wazimisa izakhelo zaso, wafaka imiqadi, wamisa neentsika.