14 Noonyana bakhe bathi wambu ngeyabo iminweba.
15 Kwanjengoyise nabo bathambise, ubamisele ebubingelelini. Ewe, ngokubathambisa uya kuba ubamisela ukuba babe ngababingeleli bona nazo zonke izizukulwana zabo.”
16 Ke kaloku yonke le nto uMosis wayenza kanye ngokomyalelo lowo kaNdikhoyo.
17 Ngoko ke kwathi ngomhla wokuqala, kwinyanga yokuqala, ngonyaka wesibini bemkayo eJiputa, samiselwa isibingelelo.
18 Ukumisa kukaMosis isibingelelo wenjenje: wazimisa iziseko eendaweni zazo, wazimisa izakhelo zaso, wafaka imiqadi, wamisa neentsika.
19 Wasuka ke wayitwabulula intente yesibingelelo, wayambathisa nangesigqubuthelo sayo kanye ngokomlomo kaNdikhoyo.
20 Ngoko ke wathatha amacwecwe amabini anobungqina bomnqophiso, wawafaka kwityesi yomnqophiso. Wathatha nemiqobo, wayifaka kuloo makhonkco etyesi, waza wayivala ngesivalo sayo.