25 Zimi njalo phambi koNdikhoyo wazilumeka izibane ngokomyalelo kaNdikhoyo.
26 Wangenisa iqonga legolide ngaphakathi, walibeka phambi komkhusane,
27 watshisa eso siqhumiso sivumba limnandi ngokwelizwi likaNdikhoyo.
28 Waxhoma umkhusane esangweni lesibingelelo,
29 waza wemisa iqonga lamadini apho ngasesangweni. Belisenziwa apho ke idini elitshiswayo kunye nedini leenkozo ngokomlomo kaNdikhoyo.
30 Wabeka isitya sokuhlambela phakathi kweqonga lamadini nentente yesibingelelo, waza wasizalisa ngamanzi.
31 UMosis, uAron, noonyana bakhe, babehlamba izandla neenyawo zabo apho kuloo manzi,