9 Ngamampunge lawo; baqhubeni basebenze bathi nca, khon' ukuze bangabi nalo ithuba lokuphulaphula imbudede yobuxoki.”
10 Ngoko ke iinduna namagosa zabaxelela abasebenzi zathi: “Ukumkani uthi anisazukuyinikwa ingca yokwenza izitena,
11 koko noyichola-chola ngokwenu naphi na apho ninokuyizuza khona; kambe ke lona inani lezitena akufuneki lihle nakancinci.”
12 Abasebenzi ke bathi saa kulo lonke elaseJiputa, berhugula ingca.
13 Ke zona iinduna zazingabaphi thuba, zisithi: “Wugqibeni umsebenzi wosuku ngalunye ngokwesiqhelo, njengangokuya beniyinikwa ingca.”
14 Amagosa angamaSirayeli awayemiselwe ziinduna ezingamaJiputa ayekatswa zizo, kusithiwa: “Kutheni izitena zingafikeleli nje kwinani lesiqhelo?”
15 Kwesi sithuba ke amagosa lawo aya kukhalaza kukumkani, athi: “Mhlekazi, ngani ukuba uziphathe ngolu hlobo izicaka zakho?