17 Naba oonyana bakaGershon ngokwezindlu zabo: nguLibheni noShimeyi.
18 Oonyana bakaKohati nguAmram, noIzare, noHebron, noUziyeli. Ke yena uKohati wahlala iminyaka elikhulu elinamashumi amathathu anantathu.
19 Oonyana bakaMerari nguMalin Mushi. Ezi ke zizindlu zakwaLevi ngokokuzana kwazo.
20 UAmram wathatha udade boyise uJokobhedi, owamzalela uAron noMosis. UAmram wahlala iminyaka elikhulu elinamashumi amathathu anesixhenxe.
21 Oonyana bakaIzare nguKora, noNifege, noZikri.
22 Oonyana bakaUziyeli nguMishayeli, noElifazan, noSitri.
23 UAron wathatha uElishebha intombi ka-Aminadabhi, udade boNashon, owazala uNadabhi, noAbhihu, noElazare.