1 *UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Uyabona ke, wena ndiza kukwenza ube ngathi unguThixo kukumkani waseJiputa, yena umkhuluwa wakho abe *ngumshumayeli wakho.
2 UAron uze umxelele konke endikuyalela kona, ke yena uya kubhekisa kukumkani, atsho akhulule amaSirayeli aphume emhlabeni wakhe.
3 Kambe ke ndiya kumqaqadekisa ukumkani, angavumi ukuwakhulula amaSirayeli noba sendiyiphinda-phinda kangakanani na imiqondiso nemimangaliso yam kwelaseJiputa.
4 Ngoko ke ndiya kuba ngqongqo kwelaseJiputa, ndilohlwaye. Ke bona abantu bam amaSirayeli ndiya kubakhupha ngendlu yabo.
5 Igunya endiya kuwakhupha ngalo amaSirayeli eJiputa liya kubetha aqonde amaJiputa ukuba ndinguNdikhoyo.”
6 Ke uMosis noAron bênza kanye ngendlela ababeyalelwe ngayo nguNdikhoyo.
7 Ukuthetha kwabo nokumkani waseJiputa uMosis wayenamashumi asibhozo eminyaka, ke yena uAron emashumi asibhozo nantathu.