22 Ngemilingo yawo amaqili aseJiputa nawo ayenza loo nto yayisenziwa ngooMosis. Ngenxa yoko ukumkani waqaqadeka, akavuma ukubaphulaphula ooMosis noAron njengoko wayetshilo uNdikhoyo.
23 Ndaweni yaloo nto wasuka wee khwitshi wangena ebhotwe, akayikhathalela le nto ihlileyo.
24 AmaJiputa wona azigrumbela amanzi apho kufuphi nomlambo, kuba la omlambo ayengaseleki.
25 Kwadlula iintsuku ezisixhenxe emveni kwesibetho saseNayile.