1 *UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Yiya kukumkani, uthi ndithi kuye: ‘Khulula abantu bam baye kundinqula.
2 Ukuba uyala ukubakhulula, ilizwe lakho ndiya kulihlasela ngesibetho samasele.
3 Umlambo iNayile uya kuphuphuma ngamasele; oda aye kufika nakwakho. Aya kutaka-taka endlwini yakho yokulala, emandlalweni, ezindlwini zamaphakathi, nasezindlwini zabo bonke abantu bakho. Amasele aya kugxalathelana kumaziko okubhaka, nakwizitya zokuxovela;
4 aya kuxhumela kuwe, kubantu bakho, nakumaphakathi akho.’ ”
5 UNdikhoyo wayalela uMosis wathi makathi kuAron: “Yolula isandla sakho, uwalekuze ngenduku leyo amanzi emilambo, aweentlambo, nawamaqula, khon' ukuze kunyakazele amasele kulo lonke elaseJiputa.”
6 Ngenene ke uAron wawalekuza amanzi aseJiputa ngenduku yakhe, kwaza kwavela amasele, anyakazela kulo lonke.