13 Naye uNdikhoyo wenza ngokwesicelo sikaMosis; aza ke amasele afa ezindlwini, ezinkundleni, nasemasimini.
14 Aqokelelwa ke, aba ziinqumba; yeka ke iphunga!
15 Njengoko wayetshilo uNdikhoyo, ukumkani uthe akubona ukuba kukho isiqabu, waqal' emva ukuqaqadeka, akavuma ukubaphulaphula ooMosis noAron.
16 *UNdikhoyo wathi kuMosis: “Yitsho kuAron avuse uthuli ngenduku yakhe, ukuze kuvele iimbuzane kulo lonke elaseJiputa.”
17 UAron ke waphakamisa induku yakhe, wabetha ngayo emhlabeni, kwaza kwavela iimbuzane, zabahlasela abantu kunye nezilwanyana. Kulo lonke elaseJiputa kwaphithizela iimbuzane.
18 Athe ke amaqili aseJiputa, akuzama ukwenza kwaloo nto, suka azavela iimbuzane. Kambe ke zaphithizela iimbuzane kulo lonke, zahlasela umntu kwakunye nesilwanyana.
19 Ke wona amaqili angqina athi kukumkani: “Ngumnwe kaThixo lo.” Kambe ke, njengoko uNdikhoyo wayetshilo, yena ukumkani wankaniza, akaphulaphula.