1 *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: “Yiya kukumkani waseJiputa, uthi kuye: ‘UNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthethe wenjenje: “Khulula abantu bam, baye kundikhonza.”
2 Ukuba uyala ukubakhulula,
3 uNdikhoyo uya kukohlwaya ngokuthumela isibetho esoyikekayo kwimfuyo yakho: amahashe, iidonki, iinkamela, iinkomo, iigusha, neebhokhwe.
4 Uya kuyikhetha imfuyo yamaSirayeli kweyamaJiputa. EyamaSirayeli imfuyo soze ife.
5 Le nto ke iya kwenzeka ngomso.’ ”