8 Kwahamba usapho lwakhe, abantakwabo, kwakunye nomzi kayise wonke. Kwasala abantwana kuphela eGoshen kunye nemfuyo yabo.
9 Kwakuziinqwelo zamahashe, kunye nabakhwele amahashe, isisihlwele.
10 Bathi bakufika kwisanda sika-Atadi kufuphi neJordan, batsho ngesijwili esikrakra ithuba elide. Apho uJosefu wachitha iintsuku ezisixhenxe ezilile.
11 Abantu baseKanana, bakubabona bezilile kwisanda sika-Atadi, bayincoma inkqubo ezukileyo yenzila eyayisenziwa ngamaJiputa. Yiyo ke loo nto loo ndawo kwathiwa igama layo yiAbheli-mizerayim.
12 Benjenjalo ke oonyana bakaYakobi ukuthobela umyolelo kayise.
13 Bawuthwala umzimba wakhe, bawusa eKanana, bafika bawungcwaba kumqolomba owawuseMakapela, ngasempuma yeMamre, kulaa mhlaba uAbraham wawuthenga kuEfron umHeti, ube yindawo yokungcwabela.
14 Akuba emngcwabile uyise, uJosefu wabuyela eJiputa, kunye nabantakwabo kwakunye naloo nginginya yayimkhaphile.