Izafobe 1 XHO96

Ukubaluleka kwezafobe

1 Ezi zizafobe zikaSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli.

2 Ezi zafobe ziluncedo:umntu ziyamqeqesha, zimnike ubulumko,abe nokuziqonda neentetho ukuba ngaba zezengqondo na.

3 Ewe, zimenza aqeqesheke, akwazi ukuziphatha,abe ngumntu owenza okulungileyo, nothe ngqo engenagobe.

4 Ongekabi namava zimenza abe krele-krele,nomfana atsho akwazi ukwenza izigqibo ngobulumko.

5 Isilumko siyeva, sivune ulwazi;kanti nengcaphephe itsho ifumane amacebo aphilileyo,

6 khon' ukuze ikwazi ukuqonda izaci nezafobe,nditsho amazwi ezilumko nokuntsonkotha kwawo.

Isiseko sobulumko

7 Isiseko sobulumko kukuthobela *uNdikhoyo,kambe ke zona izityhakala zibujongele phantsi ubulumko nengqeqesho.

Icebiso kubafana

8 Mfo wam, yithobele ingqeqesho kayihlo,ungazityesheli neziluleko zikanyoko.

9 Zona ziya kuyiphuhlisa ihambo yakho,oku kwentsimbi ehombisa intloko,nditsho oku kwamaso anika intamo umfaneleko.

10 Nyana wam, sukuvumaxa uwexulwa ngoongantweni.

11 Mhlawumbi bangathi: “Yiza silalele umntu ongenatyala,ukuze simhlasele simbulale engacingele nto.”

12 Basenokuthi: “Yiza, siza kumcim' igama njengosengcwabeni,abe ngathi uginywe lelabafileyo,

13 size ke thina sizithathele konke okunexabiso,izindlu zethu zitsho zizale ngamaxhoba.

14 Hayi, mfondini, yiza, uzibandakanye nathi;yoba nye ingxowa yethu sonke.”

15 Nyana wam, zikhwebule kwiindlela zabo,ulubuyise nonyawo lwakho kuzo.

16 Kaloku iinyawo zabo aziva ntambo ukuleqeka esonweni;bayakhawuleza ukuphalaza igazi.

17 Nakuba kungancedi nto nje ukuthiyela intakaxa isibona isabatha eso,

18 kodwa bona balalela elabo igazi;ewe, bazonda owabo umphefumlo.

19 Sinjalo ke isiphelo sazo zonke izikrelemnqa:ophila ngobugebenga ufa kwangobugebenga.

Musa ukubudela ubulumko

20 Ke bona ubulumko bumemeza nasezitalatweni;kanti ke bude bukhwaze nasezindaweni zembutho.

21 Izwi labo aligqunyelelwa nayingxolo yasezitalatweni;ewe, buvakala nasemasangweni ezixeko:

22 “Ziyathandini, koda kube nini nithe nca ebudengeni?Yaz'ba koda kube nini na abagculeli bekuvuyela ukuphoxisa?Koda kube nini izityhakala ziluthiyile ulwazi?

23 Kambe ke xa beninokukugqala ukukhalima kwam,bendinganiphokozela umoya wobulumko,ndabelane nani ngolwazi lwam.

24 Kaloku ndibe ngabiza, anisabeli;ndibe nganolulela isandla sam, akukho bani usamkelayo!

25 Ewe, anilikhathalele icebiso lam;anivumi kusamkela nesilumkiso sam.

26 Ke mna ndiya kuhlekisa ngani nakungena enkathazweni;ndiya kuphoxisa ngani ngomhla wonxunguphalo.

27 Ewe, nditsho naxa senirhwaqele lunxunguphalo,lunihlasela njengesaqhwithi;seningathi nirhiwulwa sisivunguvane,imbandezelo neenzingo zinifikele.

28 “Ngenene, niya kuzibika kum, kodwa ke mna ndingasabeli.Niya kuba ngabhadula nindifuna, ningandizuzi.

29 Kaloku nisuke naluthiya ulwazi,anakukhathalela ukuthobela *uNdikhoyo.

30 Ewe, anilamkelanga icebiso lam,anivumanga naxa ndinilumkisa.

31 Ngoko ke niya kuvuna loo nto niyilimileyo;amacebo enu lawo niya kuwatya nide niwatyekeze.

32 Kaloku iziyatha zifa kuba zibumangala ubulumko;zona izityhakala zizibhubhisa ngokungakhathaleli nto.

33 Kambe ke bona abandiphulaphulayo bahlala bekhuselekile;ewe, bathi zava, bengaxhalele kwenzakaliswa nto.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31