Izafobe 24 XHO96

1 Musa ukumonela abantu abakhohlakeleyo ngezinto zabo,ungakunqweneli ukuzibandakanya nabo.

2 Kaloku intliziyo yabo iyila ubundlobongela,nomlomo wabo uthetha ngokuvusa uqhushululu.

3 Indlu yona yakhiwa ngobulumko,izinziswe ngengqondo.

4 Lulwazi oluzalisa amagumbi endlu,itsho ivathiswe ngezinto ezintle nezixabisekileyo.

5 Umfo osisilumko unamandla;ewe, indoda enolwazi iya isomelela ngokomelela.

6 Phambi kokuba uye emfazweni hlala phantsi ucwangcise kuqala;uloyiso lungabakho xa unabacebisi abaninzi.

7 Ubulumko yintsokotha kumntu osisiyatha;yena uyalabalaba xa kuxoxwa kwindibano ngasesangweni.

8 Umntu osoloko eyila ukwenza ububiuya kwaziwa ngokuba nguSomayelenqe.

9 Amayelenqe esidenge ayafadalala;ke yena umntu osoloko egxeka abanye uthiyiwe ngabantu.

10 Ukuba unamathidala ngamaxesha eenkathazo,awunawo amandla okujongana nawo.

11 Bahlangule abantu abaqweqwediselwa ekufeni;basindise abo bagxadazelela ekubulaweni.

12 Mhlawumbi ungathi wena: “Besingazi nto ngale nto,”kodwa ke yena uThixo onganqatyelwa nto uyayibona inyaniso –ukujongile, yaye uyakwazi.Ke yena uvuza umntu ngokwezenzo zakhe.

13 Mfo wam, butye ubusi, kuba bumnandi;ewe, incindi inencasa emlonyeni wakho.

14 Bukwanjalo ukuyola kobulumko:ukuba uthe wabufumana lotsho liqiniseke ikamva lakho,nethemba lakho linganqanyulwa.

15 Sukufana nesikhohlakali ngokulalela indlu yomntu olilungisa,nomzi wakhe sukuwonakalisa.

16 Noba angawa kangaphi na umntu olilungisa ubuya avuke;ke zona izikhohlakali zikhubeka zitshabalale.

17 Sukuluvuyelela lwakuwa utshaba lwakho,ungavuyi xa ulubona lukhubeka,

18 hleze olo vuyo lwakho lube bububi emehlweni kaNdikhoyo,awurhoxise umsindo wakhe kulo.

19 Sukuvutha ngumsindo ngenxa yabantu abenza ubugwenxa,ungabamoneli abantu abakhohlakeleyo ngezinto abanazo.

20 Kaloku umenzi wobubi akanakamva;isibane sabantu abakhohlakeleyo siya kucinywa.

21 Mntwan' am, mhlonele uNdikhoyo, ngokunjalo nokumkani,ungadlelani nabavukeli.

22 Kaloku bona babhanga ngephanyazo,ibe ke akukho bani waziyo ukuba botshatyalaliswa nini na nguNdikhoyo okanye ngukumkani.

Ingqokelela yobulumko

23 Nanga amanye amazwi ezilumko:Yinto embi ukuba umgwebi ajonge ubuso bomntu.

24 Xa esuka athi konetyala: “Umsulwa wena,”abantu bayamthuka, zimgxeke izizwe.

25 Kambe ke yena umgwebi omohlwayayo umntu owonileyouba nentsikelelo kunye nenkqubela.

26 Impendulo ethe gcanqwa nokuncamisa umhlobo emlonyeni.

27 Qala ulungise ishishini lakho, ulime amasimi akho,emva koko wakhe indluyakho.

28 Sukuthi kungekho sizathu unike ubungqina obumtshonisayo ummelwane,okanye ukhohlise ngomlomo wakho.

29 Musa ukuthi: “Ndiya kwenza kuye njengoko enzile kum;ndiya kumenzakalisa ngokwezenzo zakhe.”

30 Ndathi ndihamba ndagqitha entsimini yevila;ewe, ndadlula kwisidiliya somntu ongenangqondo.

31 Sasitshone lé elukhuleni, sifuthwe nayinkunzane;ke lona udonga olwalubiyele lwaludilikile.

32 Ndakha ndee nqumama ndawubukela loo mhlola,ndacinga nzulu ndaza ndafumanisa ukuba

33 xa uthe: “Hayi noko, makhe ndithi qwaka, ndithi ntlithi kancinane,khe ndisonge izandla,ndiphumle,”

34 ubuhlwempu bosuka bukuchwechwele njengomkhuthuzi.Ewe, ihambo-nzima iza kukuhlasela oku kwendoda exhobileyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31