Izafobe 22 XHO96

1 Igama elihle lilungile ngaphezu kwentabalala yobutyebi;ukuba nesidima kungaphezu kwayo isiliva negolide.

2 Umntu osisityebi nomntu olihlwempu ikho into ebadibanisayo:kaloku bobabini badalwe nguNdikhoyo.

3 Umfo ohlakaniphileyo uthi akuyibona isiza ingozi ayiphephe;ke yena ongaqondiyo uthwabaza aye kungena kuyo, aze ke ave ubuhlungu yiloo nto.

4 Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo,uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi.

5 Indlela yamatshijolo iphahlwe ngameva nemigibe;ke yena umntu okhusela ubomi bakhe uyayicezela.

6 Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha,soze ahlukane nayo naxa selekhulile.

7 Umntu osisityebi uyalilawula ihlwempu;nalowo ubolekayo likhoboka lalowo ubolekisayo.

8 Umntu ohlwayela inkohlakalo uvuna iinkxwaleko,nentonga yomsindo wakhe iya kwaphuka.

9 Umntu onezinwe uyathamsanqeleka,kuba kaloku uyawapha amahlwempu kukutya anako.

10 Wakumgxotha umgxeki itsho iphele ingxabano,ngokunjalo zitsho zinqamke iingxwaba-ngxwaba nokunyelisa.

11 Umntu onyanisekileyo nontetho inambithekayouyathandwa nditsho nangukumkani.

12 Amehlo kaNdikhoyo ayalwalusa ulwazi;ke zona iintetho zabantu abaphixanisayo uyaziphanzisa.

13 Ivila lithi: “Kukho ingonyama phandle!Ndobulawa ezitalatweni!”

14 Umlomo womfazi ongakwaziyo ukuziphatha nqwa nenzonzobila yomhadi;ke bona abashwatyulelwe nguNdikhoyo batshona kuyo.

15 Ingqondo yomntwana idla ngokunxaxha,kodwa ke into emlulekayo luswazi.

16 Omnye ucinezela amahlwempu ngeenjongo zokwandisa ubutyebi bakhe,wumbi anikezele ngezipho kwizinhanha, kodwa bobabini baphelela ebuhlwempini.

Amazwi obulumko

17 Wabazele iindlebe uwaphulaphule amazwi ezilumko,imfundiso yam uyibethelele entliziyweni yakho.

18 Kaloku kumnandi xa unawo engqondweni yakho,ube nako ukumana ucaphula kuwo ungathintilizi.

19 Ndikwazisa wona ke namhlanje,ukuze wena kanye ube nako ukukholosa *ngoNdikhoyo.

20 Ngoko ke nazi iingongoma endikubhalele zona zimashumi mathathu,ziqulethe ubulumko namacebiso.

21 Ezi ngongoma ziya kukunceda ukwazi ukuyicalula inyaniso,utsho ukwazi ukunika ingxelo enyanisekileyo xa uthunyiwe.

22 Musa ukuthi kuba umntu elihlwempu umxhaphaze;futhi sukumcinezela umntu ohlelelekileyo xa esematyaleni.

23 Kaloku uNdikhoyo ngokwakhe uya kuba ngummeli wabo,abaphange abo babaphangayo.

24 Musa ukuhlobana nomntu onephuku;sukuhambisana nonkom' iyahlaba.

25 Kaloku xa usenjenjalo uya kugcayiseleka,nawe uzibhaqe sesikusulele eso simo sakhe.

26 Sukuyenza into yokubamba isandla ubhambathisa,umele ityala lomnye umntu.

27 Kaloku xa ungasenako ukuhlawulauya kuthinjwa wohluthwe nditsho kwanebhedi olala kuyo.

28 Ungaze uwugudlule umlima-ndlela wakudalaowamiswa ngookhokho bakho.

29 Ungazibonela ngokwakho: umntu olichule emsebenzini usebenzela ukumkani,akasoze asebenzele abantu abangenagama.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31