Izafobe 23 XHO96

1 Xa uthe wahlala phantsi ukuba udle nesikhulu,yaneliswa yiloo nto ibekwe phambi kwakho.

2 Xa ngaba ungumntu otya gqithawubambe umqala wakho.

3 Musa ukuzibawela izimuncu-muncu zakhe,hleze uzibizele ingozi ngazo.

4 Musa ukuziqoba amandla ufunana nobutyebi,ungaphulukani nengqondo yakho ngenxa yabo.

5 Kaloku ubutyebi busuka buthi shwaka ngephanyazo;ungáde ucinge ukuba busuke bantshula amaphiko bantinga njengokhozi.

6 Musa ukutya ukudla komntu ovimbayo,ungazibaweli izimuncu-muncu zakhe.

7 Kaloku yena ngumntu apha osoloko ebala indleko.Noba angathi: “Yitya, usele,” akathethi loo nto entliziyweni yakhe.

8 Ewe, iya kubuya yonke loo ntwana uyityileyo,ube uwalahlile naloo mazwi akho okuncoma.

9 Musa ukulahla amazwi akho kumntu osisityhakala;kaloku uya kubudela ubulumko bamazwi akho.

10 Ungaze uwugudlule umlima-ndlela wakudala,nomhlaba weenkedama musa ukuwohlutha.

11 Kaloku uMkhululi wazo unamandla;nguye oya kubambana nawe ngenxa yazo.

12 Zimisele ukuyiphulaphula ingqeqesho,uyibazele iindlebe yonke into oyifundiswayo.

13 Sukuyekelela ukumqeqesha umntwana;ukuba uyamohlwaya ngoswazi akayi kufa.

14 Kaloku ngokumohlwaya umntwanauhlangula ubomi bakhe ekufeni.

15 Mfo wam, ndingonwaba kakhuluxa ingqondo yakho idlamkile.

16 Ewe, ndingatsho ndibe nebhongoxa ndikuva uthetha izinto ezithe ngqo.

17 Sukuziduba intliziyo ngabenzi bobugwenxa;nto mawuyenze wena kukuhlonela uNdikhoyo maxa onke.

18 Xa usenjenjalo ngenene uya kuba nekamva,nethemba lakho aliyi kunqanyulwa.

19 Mfo wam, phulaphula ukuze ube sisilumko;yigqale indlela oziphatha ngayo.

20 Musa ukuvana nabantu abanxilayo;ngokunjalo nabanyolukileyo bacezele.

21 Kaloku wona amanxila nezidla-kudla bayahlwempuzeka,namathongorha ambatha amadlavu.

22 Mntwana wam, mphulaphule uyihlo owakuzalayo,ungamdeli nonyoko ekwaluphaleni kwakhe.

23 Wakuyifumana inyaniso sukuthengisa ngayo;ewe, sukwahlukana nobulumko, ingqeqesho, kwanokuqonda.

24 Unebhongo umzali womntwana olilungisa;ewe, umntwana osisilumko uligugu kubazali bakhe.

25 Ngenene uyihlo nonyoko mabavuye ngawe –menze abe nemihlali lowo wakuzalayo.

26 Yinikezele kum intliziyo yakho, mntwan' am;indlela endiziphethe ngayo mayibe semehlweni akho.

27 Kaloku ihenyukazi ngumhadi onzulu,nomfazi oziphethe kakubi liqula elimxinwa.

28 Ewe, uncathama oku kwesikrelemnqa,alongeze inani labakrexezi.

29 Nguwuphi umntu osezintsizini nonesingqala,osoloko esezingxwaba-ngxwabeni ekhalaza;nditsho ofumana enzakale nje ngelize,umntu ongafik' etyofu-tyofu amehlo?

30 Lowo ke ngulo mntu ungafika ejikelezana newayini,esoloko ezingelana newayini exutyiweyo.

31 Inkangeleko ebomvu yewayini mayingakukhangi, noba ingade imenyezele endebeni –ewe, nditsho seyinambitheka, isihla kamnandi!

32 Ekugqibeleni iwayini iluma njengenyoka,ibinza njengerhamba.

33 Ikutsho ubone izinto ezingekhoyo,ushwaqe ubhude yonk' into.

34 Ewe, ikutsho ube ngathi uphakathi elwandle,ube ngathi ujinga epalini ebamba iseyile yesikhephe.

35 Uya kubuza uthi: “Ingathi ndibethiwe nje phofu?Hayi suka, ndingakhange ndive nje!Akwaba bendinganako ukuphinda ndiphakame,khe ndithi nje intwana ndiziqabule!”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31