Izafobe 10 XHO96

Izafobe zikaSolomon

1 Nazi izafobe zikaSolomon:Unyana osisilumko ulibhongo likayise,ke yena osisityhakala ungumva-ndedwa kanina.

2 Ubutyebi obufunyenwe ngobuqhophololo abuphumelelisi,kodwa ke kona ukuziphatha kakuhle kuhlangula ekufeni.

3 *UNdikhoyo soze abayeke abantu abalungileyo balambe,kambe ke zona izikhohlakali uyazithintela ingafezeki iminqweno yazo.

4 Umntu oqhokrwe izandla uba lihlwempu;ke yena okhutheleyo uba sisityebi.

5 Unyana oxakekayo evuna ngexesha lokuvuna ukhaliphile;kambe ke yena olalayo xa isivuno silungile lihlazo.

6 Amalungisa athiwa jize ngesithsaba sentsikelelo,ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha.

7 Kuyintsikelelo ukukhumbula amalungisa,kambe ke lona igama lezikhohlakali liyaphutha.

8 Umntu onengqondo uyayiphulaphula imiyalelo;kambe ke sona isityhakala esilavuzayo siya kubhanga.

9 Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

10 Umntu oyivalela amehlo inkohlakalo ubangela intlupheko,kambe ke isityhala esilavuzayo siya kubhanga.

11 Amazwi omntu olilungisa angumthombo wobomi;kanti ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha.

12 Intiyo iphembelela ingxabano;ke lona uthando luyazingcwaba zonke izono.

13 Umntu oqondayo uthetha ubulumko,kanti ke umhlana wesinyabi ufanelwe yintonga.

14 Isilumko siyaluqoqosha ulwazi,kanti ke kona ukuthetha kwesityhakala kuza nentshabalalo.

15 Ubutyebi besinhanha lixhadi laso;ke bona ubuhlwempu yintshabalalo yosweleyo.

16 Ilungisa lixhamla ubomi ngemigudu yalo;ke yona inzuzo yesikhohlakali iphelela esonweni.

17 Umntu oyithobelayo ingqeqesho usekhondweni lobomi;ke yena ongaphulaphuliyo ulahlekene nendlela.

18 Umntu oyifihlayo intiyo lixoki;ke yena osasaza iindaba zolwimi sisiyatha.

19 Ekuthetheni kakhulu isono sidla ngokubakho,kambe ke ozibambayo ekuthetheni unengqiqo.

20 Amazwi elungisa afana nesiliva ecwengileyo;ke zona iingcinga zesikhohlakali ziphuthile.

21 Amazwi omntu onengqondo ayinzuzo kwabaninzi;kanti ke zona izityhakala zibulawa kukungayisebenzisi ingqondo.

22 Yintsikelelo kaNdikhoyo enika umntu ubutyebi;kambe ke yona ayihambi nazintsizi.

23 Isiyatha siyavuya xa sisenza ubugwenxa;phofu ke yena umntu onengqondo uyabuvuyela ubulumko.

24 Umntu okhohlakeleyo uzuza kanye le nto imnxunguphalisayo,kodwa yena olilungisa unikwa oko akufunayo.

25 Zakufika iinkqwithela zimka nabo abantu abakhohlakeleyo;kanti ke bona abanyanisekileyo bema ngxishi ngonaphakade.

26 Asinto umdintsi ukusetyenzelwa livila,nqwa neviniga emazinyweni okanye umsi emehlweni.

27 Ukuthobela uNdikhoyo kuyabongeza ubomi bomntu;kanti ke yona iminyaka yezibhoja iyanqanyulwa.

28 Ithemba lelungisa liza novuyo;ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni.

29 Indlela kaNdikhoyo yinqaba yamalungisa;kodwa ke yintshabalalo kwabenza ububi.

30 Ilungisa alisoze libhukuqwe;ke yena okhohlakeleyo ngekhe eme elizweni.

31 Umntu obhadlileyo uphuphuma ubulumko,kambe ke yena umntu ogqwethayo uya kunqunyulwa ulwimi.

32 Umntu onengqondo uthetha amazwi afanelekileyo;kambe ke sona isikhohlakali sithetha amazwi akrwempayo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31