1 Nazi izafobe zikaSolomon:Unyana osisilumko ulibhongo likayise,ke yena osisityhakala ungumva-ndedwa kanina.
2 Ubutyebi obufunyenwe ngobuqhophololo abuphumelelisi,kodwa ke kona ukuziphatha kakuhle kuhlangula ekufeni.
3 *UNdikhoyo soze abayeke abantu abalungileyo balambe,kambe ke zona izikhohlakali uyazithintela ingafezeki iminqweno yazo.
4 Umntu oqhokrwe izandla uba lihlwempu;ke yena okhutheleyo uba sisityebi.
5 Unyana oxakekayo evuna ngexesha lokuvuna ukhaliphile;kambe ke yena olalayo xa isivuno silungile lihlazo.
6 Amalungisa athiwa jize ngesithsaba sentsikelelo,ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha.
7 Kuyintsikelelo ukukhumbula amalungisa,kambe ke lona igama lezikhohlakali liyaphutha.
8 Umntu onengqondo uyayiphulaphula imiyalelo;kambe ke sona isityhakala esilavuzayo siya kubhanga.
9 Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.
10 Umntu oyivalela amehlo inkohlakalo ubangela intlupheko,kambe ke isityhala esilavuzayo siya kubhanga.
11 Amazwi omntu olilungisa angumthombo wobomi;kanti ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha.
12 Intiyo iphembelela ingxabano;ke lona uthando luyazingcwaba zonke izono.
13 Umntu oqondayo uthetha ubulumko,kanti ke umhlana wesinyabi ufanelwe yintonga.
14 Isilumko siyaluqoqosha ulwazi,kanti ke kona ukuthetha kwesityhakala kuza nentshabalalo.
15 Ubutyebi besinhanha lixhadi laso;ke bona ubuhlwempu yintshabalalo yosweleyo.
16 Ilungisa lixhamla ubomi ngemigudu yalo;ke yona inzuzo yesikhohlakali iphelela esonweni.
17 Umntu oyithobelayo ingqeqesho usekhondweni lobomi;ke yena ongaphulaphuliyo ulahlekene nendlela.
18 Umntu oyifihlayo intiyo lixoki;ke yena osasaza iindaba zolwimi sisiyatha.
19 Ekuthetheni kakhulu isono sidla ngokubakho,kambe ke ozibambayo ekuthetheni unengqiqo.
20 Amazwi elungisa afana nesiliva ecwengileyo;ke zona iingcinga zesikhohlakali ziphuthile.
21 Amazwi omntu onengqondo ayinzuzo kwabaninzi;kanti ke zona izityhakala zibulawa kukungayisebenzisi ingqondo.
22 Yintsikelelo kaNdikhoyo enika umntu ubutyebi;kambe ke yona ayihambi nazintsizi.
23 Isiyatha siyavuya xa sisenza ubugwenxa;phofu ke yena umntu onengqondo uyabuvuyela ubulumko.
24 Umntu okhohlakeleyo uzuza kanye le nto imnxunguphalisayo,kodwa yena olilungisa unikwa oko akufunayo.
25 Zakufika iinkqwithela zimka nabo abantu abakhohlakeleyo;kanti ke bona abanyanisekileyo bema ngxishi ngonaphakade.
26 Asinto umdintsi ukusetyenzelwa livila,nqwa neviniga emazinyweni okanye umsi emehlweni.
27 Ukuthobela uNdikhoyo kuyabongeza ubomi bomntu;kanti ke yona iminyaka yezibhoja iyanqanyulwa.
28 Ithemba lelungisa liza novuyo;ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni.
29 Indlela kaNdikhoyo yinqaba yamalungisa;kodwa ke yintshabalalo kwabenza ububi.
30 Ilungisa alisoze libhukuqwe;ke yena okhohlakeleyo ngekhe eme elizweni.
31 Umntu obhadlileyo uphuphuma ubulumko,kambe ke yena umntu ogqwethayo uya kunqunyulwa ulwimi.
32 Umntu onengqondo uthetha amazwi afanelekileyo;kambe ke sona isikhohlakali sithetha amazwi akrwempayo.