Izafobe 19 XHO96

1 Akunani kwaukuhleleleka unyanisekilekunokuba sisiyatha esinganyanisekanga.

2 Ukutyhuthuzela kungekho kuqonda akulunganga;onyawo zingxamileyo uyayiphosa indlela.

3 Ubuyatha bomntu buyabulimaza ubomi bakhe,aze ke entliziyweni yakhe asole uNdikhoyo.

4 Isinhanha siba nezihlobo ezininzi,kodwa lona ihlwempu libalekwa nazezikhoyo.

5 Ingqina elixokayo liyohlwaywa;umntu ongathethi nyani enkundleni akasindi.

6 Baninzi abacenga izikhulu;bonke abantu bazizihlobo zomntu ophayo.

7 Ihlwempu alifunwa nangabakowalo; yeka ke ukungafunwa kwalo zizihlobo!Noba selizifuna linezicengo soze lizifumane.

8 Ozingela ubulumko uyazithanda ngokwakhe;okuxabisileyo ukuqonda uzuza ukonwaba.

9 Ingqina elixokayo liyohlwaywa;umntu ongathethi nyani enkundleni uyatshabalala.

10 Isiyatha asifanelwa kukuthi zava –kobeka phi ukuba kubi kokuba amatshawe aphathwe sisicaka?

11 Umntu onengqondo akacaphuki msinya;kuye linqaku ukungakhathali noba selesoniwa.

12 Umsindo kakumkani unjengokugragrama kwengonyama;ke kona ukwamkeleka kuye kunjengombethe phezu kohlaza.

13 Unyana osisiyatha uyamtshonisa uyise;kanti ke yena umfazi onochuku ufana nendlu enethontsi.

14 Indlu nobutyebi lilifa looyise,kodwa umfazi onengqondo uvela kuNdikhoyo.

15 Ubuvila bufuthanisela umntu ngobuthongo;ukanti ke umntu ongasebenziyo ubhuqwa yindlala.

16 Umntu ozithobelayo iziluleko uzuza ubomi;ke yena ongayikhathaleliyo ihambo yakhe uyafa.

17 Umntu opha ohlelelekileyo ufana noboleka uNdikhoyo;uNdikhoyo uya kumbuyisela.

18 Mqeqeshe unyana wakho, kuba oko kunika ithemba,kodwa ke ungagabadeli ude umbulale.

19 Umntu ocaphuka msinya uvuna loo nto ayilimileyo;ukuba ukhe wamnceda kwaba kanye uya kuphinda-phinda.

20 Waphulaphule amacebiso, ukwamkele ukululekwa –ekugqibeleni uya kuba nobulumko.

21 Umntu uyaceba acwangcise entliziyweni yakhe,kodwa ke licebo likaNdikhoyo eliphumelelayo.

22 Umntu uzilahlela kuloo nto ayinqwenelayo;phofu akunani kwaukuba lihlwempu kunokuba lixoki.

23 Obona bomi kukuhlonela uNdikhoyo;umntu owenjenjalo uyazonwabela, inkathazo ingamchaphazeli.

24 Ivila liyakha esityeni,kodwa lingabi nako ukusa emlonyeni.

25 Mohlwaye umntu odelelayo, ukuze bazuze ukuqonda abangekabi namava;isilumko siyafunda sakululekwa.

26 Unyana ophatha gadalala uyise, agxothe unina,ngunyana olihlazo nonamanyondololo.

27 Nyana wam, ukuba uthe walutyeshela uqeqesho,uya kuphulukana namazwi anolwazi.

28 Ingqina elingungantweni liyabugqwetha ubulungisa;okuphuma emlonyeni womntu okhohlakeleyo bububi bodwa.

29 Umgxeki ufanelwe kukugwetywa;ke sona isiyatha silindelwe kukutyatyushwa emhlana.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31