Izafobe 27 XHO96

1 Musa ukuqhayisa ngengomso,kuba akuyazi loo mini ukuba iya kukuphathela ntoni na.

2 Yeka ibe ngomnye okuncomayo, ingabi ngowakho umlomo;ewe, mayibe ngowasemzini, kungaphumi emilebeni yakho.

3 Amatye nesanti ngumthwalo onzima;kodwa kona ukucatshukiswa sisityhakala luxanduva olungaphezulu.

4 Umsindo unenkohlakalo, ingqumbo sisiphango;kodwa ke akakho onokumelana nobukhwele.

5 Akunani kwaisiluleko esisekuhlenikunothando olufihlwayo.

6 Isihlobo sinyanisekile noba singade sikwenzakalise;siyakugqitha ukwangiwa kaninzi lutshaba.

7 Umntu ohluthayo akabukhathalele nobusi,kanti ke olambayo ukufumana kunencasa nokutya okukrakrayo.

8 Umntu okude nekhayaunjengentaka elahlekene nendlu yayo.

9 Amafutha neziqholo zonwabisa intliziyo;ke lona ulonwabo oluzuzwa kumhlobo ziingcebiso ezinyanisekileyo.

10 Ungaze wahlukane nezihlobo zakho, ungazilibali nezakowenu.Xa usengxakini sukubalekela kumntakwenu –isenokuba ngummelwane osondeleyo onokukunceda ngaphezulu komntakwenu okude.

11 Yoba luvuyo kum, mfo wam, ukuba uthe waba sisilumko;ndotsho ndibe nako ukubaphendula abo bandigxekayo.

12 Umntu ondwebileyo uthi akuyibona ayicezele ingozi,kanti ke yena ongaqiqiyo uphoseka kuyo enzakale.

13 Zithathe izambatho zomntu omele ityala londwendwe;ewe, bambisa ngazo kuba umele umntu wasemzini.

14 Umntu okhahlela ummelwana wakhe ngemibuliso kwasekusenikusenokuba ngathiuyamshwabulela.

15 Umfazi osoloko eqhwaya ingxabanoufana namathontsi emvula engumvimbi.

16 Unjengomoya wona ungenakunqandwa,nqwa namafutha wona angenako ukufunjathwa.

17 Iintsimbi ziyalolana;ngokunjalo ke nezihlobo ziyakhuthazana.

18 Umntu owukhathaleleyo umthi womkhiwane uyawafumana amakhiwane,nomntu oyibusayo inkosi yakhe uya kuwongwa.

19 Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.

20 Ingcwaba nelabafileyo alize lihlúthe;akwanjalo namehlo omntu.

21 Isiliva ivavanywa ngokuyinyibilikisa embizeni;igolide ivavanywa ngokuyinyibilikisa kwiziko lomlilo;ke yena umntu uvavanywa ludumo alufumana ebantwini.

22 Nokuba ungade usingqushe kunye nombona isityhakala,soze ubukhuphe ubutyhakala baso.

23 Qinisekisa ukuba uyayazi imo yemfuyo yakho,uyaluse ngononophelo imihlambi yakho.

24 Kaloku ubutyebi obu yinto edlulayo,nesithsaba sobukhosi asihlali sihleli kwizizukulwana ngezizukulwana.

25 Xa uyisikile ingca, wayenza ifulu,lo gama enye isaqala ukuntshula,nditsho xa utyani lwasezintabeni luhlanganisiwe,

26 impahla yokunxiba ungayenza ngoboya beegusha,futhi uthengise iibhokhwe, ufumane ixabiso lentsimi.

27 Kwezi ziseleyo unganako ukusenga uyondle intsapho yakho,ude uzibonelele nezicakazana zakho.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31