Izafobe 6 XHO96

Ezinye izilumkiso

1 Mfo wam, ukuba uthe wamela omnye umntu,wabambana nomnye ngesandla,

2 waza ke ngaloo ndlela warhintyeleka ngamazwi omlomo wakho,wavaleleka emgibeni ngenxa yesithembiso sakho,

3 nantsi ke into omawuyenze, nyana wam, ukuze ukhululeke ezandleni zommelwane wakho:hamba uzithobe kuye,umbongoze akukhulule.

4 Ewe, ungakhe ulale ungayenzanga loo nto,ungaphumli nokuphumla oku.

5 Xelisa inxala elizihlangulayo esandleni somzingeli,okanye intaka ephuncuka esandleni somthiyeli.

6 Yiya embovaneni, vilandini;qwalasela indlela eziphethe ngayo, nawe ulumke.

7 Kaloku yona ayinankosi,ingenamlawuli nankokheli,

8 kodwa nakuba injalo iyaxakeka ehlotyeni iqokelela umphako,izilungiselela ukutya ngexesha lokuvuna.

9 Kodwa kodwa, vilandini, koda kube nini uthe tywa kuloo mandlalo?Uya kuvuka nini kobo buthongo bakho?

10 Ulibele kukuthi: “Hayi noko, makhe ndithi qwaka, ndithi ntlithi kancinane,khe ndisonge izandla, ndiphumle.”

11 Kambe ke bona ubuhlwempu nâbo bukuchwechwela njengomkhuthuzi.Ewe, nantso ihambo-nzima isiza kukuhlasela oku kwendoda exhobileyo!

12 Ke yena umntu ohamba ejikeleza ethetha ezolwimingungantweni wetshijolo.

13 Ewe, onjalo ungafika emana encwina amehlo,egobhana nabanye, ekhomba ngaloo minwe yakhe.

14 Ngalo lonke ke elo xesha uqulunqa amayelenqe entliziyweni yakhe;ewe, uyila ububi, aphembelele uqhushululu.

15 Kuthi kunjalo ke afunyanwe yinkxwaleko ngebhaqo,atsho enzakale ngephanyazo, angabi nakunyangeka.

16 Zintandathu izinto azithiyileyo *uNdikhoyo;gxebe, zisisixhenxe izinto ezilizothe kuye:

17 amehlo endelelo,ulwimi oluxokayo,izandla eziphalaza igazi elimsulwa,

18 intliziyo eceba amayelenqe,iinyawo ezikhawuleza ukuquqela ebubini,

19 ingqina elixokayo liyigqwethe inyaniso,nomntu ophembelela ingxabano phakathi kwabazalanayo.

Isiyalo ngabakrexezi

20 Mfo wam, yithobele imimiselo oyinikwa nguyihlo,ungazityesheli neziluleko zikanyoko.

21 Amazwi abo wamilisele engqondweni yakho nanini nanini,uwagaxele abe sisihombo entanyeni yakho.

22 Ewe, la mazwi aya kukukhokela endleleni yakho,abe ngumlindi wakho xa ulele,aze athethe nawe xa uvukile.

23 Kaloku imiyalelo isisibane;zona iziluleko zilukhanyiso;ingqeqesho ekukhalimelayo ingundoqo wobomi.

24 Zizo ezinokukukhwebula kumfazi oziphethe kakubi,zikuhlangule kumfazi wasemzini olwimi lugudileyo.

25 Sukunikezela umncwase ngenxa yobuhle bakhe;sukumkhathalela nokuba selecela amehlo.

26 Ihenyukazi ungalithenga nangesonka,kanti yena umkrexezikazi angakwenza uphulukane nobomi bakho.

27 Khawutsho! Uthi ungawufaka esifubeni sakho umliloize impahla yakho ingatshi?

28 Uthi ungawanyathela amalahle avuthayozize zingatshi iinyawo zakho?

29 Kunjalo ke kumntu owambatha umka-mntu:akukho namnye omchukumisayo oya kuba msulwa.

30 Aligxekwa kangako iselaxa lisiba kuba lilambile.

31 Noxa kunjalo lihlawuliswa kasixhenxe xa libanjiwe,lithinjwe yonke impahla yendlu yalo.

32 Ke yena umntu okrexezayo ngathi ushiywe ziingqondo;ewe, uyazibhubhisa yena ngokunokwakhe.

33 Isiqhamo salo msebenzi wakhe ziinduma nokuhlazeka;futhi ke oko kuphoxeka kwakhe kuya kuhlala kungenakucinywa.

34 Kaloku indoda enobukhwele inengcwangu;ithi ke apho iziphindezela khona ingabi nanceba.

35 Ewe, xa sele ikuloo meko ayiva zicengo,kungekho nantlawulo iya kuyamkela noba ingakanani na.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31