Izafobe 2 XHO96

Umvuzo wobulumko

1 Mfo wam, wathathele ingqalelo amazwi am,ungaze uyishiye imiyalelo yam.

2 Ewe, bubazele iindlebe ubulumko,nentliziyo yakho uyilahlele ekwazini.

3 Kubizele kuwe ukuqiqa,uliphakamisele ilizwi lakho ekuqondeni.

4 Ubulumko buzingele njengesiliva,ubufune njengobutyebi obombelweyo.

5 Ukuba uyenzile loo nto uya kukuqonda into okuyiyo ukuthobela *uNdikhoyo,utsho ufikelele ekumazini uThixo.

6 Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko;luphuma emlonyeni wakhe ulwazi nokuqonda.

7 Abo bathembekileyo ubathululela ingqiqo,aze abe likhaka lâbo banyanisekileyo.

8 Uhlala eyalusa indlela yamalungisa,aze abakhusele kwihambo yabo âbo banyanisekileyo kuye.

9 Ukuba uyandiphulaphula uya kuba nako ukubuqonda ubulungisa,ukwazi okufanelekileyo nokulungileyo.Ewe, uya kutsho uyazi yonke indlela ethe ngqo.

10 Kaloku ubulumko buya kuhlala entliziyweni yakho,umphefumlo wakho uchwayite lulwazi.

11 Ukuba neembono eziphangaleleyo kuya kukugcina;ukuqonda kuya kukukhusela,

12 utsho ukhwebuke ekwenzeni izinto ezigwenxa,usinde kubantu abaphembelela iinkathazo –

13 nditsho asebazilahlayo iindlela ezithe ngqo,asebehamba ngeendlela zobumnyama.

14 Abo ke bangabantu abavuyayo xa besenza into embi,abayichwayitelayo imikhwa ephuthileyo yobubi.

15 Ewe, aba bantu ngamaqhophololo;iindlela zabo zingamagoso-goso.

16 Ngenene uya kutsho usinde kumfazi ongakwaziyo ukuziphatha,umfazi wasemzini omazwi alalanisayo.

17 Nditsho lowo ungathembekanga nasendodeni awazimanya nayo kwasebutsheni bakhe,ongawukhathalelanga nomnqophiso awawenza phambi koThixo wakhe.

18 Kaloku indlela eya emzini wakhe iya ekufeni,nabo bonke ke abahamba ngayo basinga kwelabafileyo.

19 Ewe, kuloo mzi wakhe akuyi lubuyayo;uthi umntu angangena khona angaze aphinde ayifumane indlela yobomi.

20 Ngoko ke hamba ekhondweni labantu abalungileyo,uziphathe ngeendlela zamalungisa.

21 Kaloku ngabantu abanyanisekileyo abaya kuma kweli lizwe;ewe, ngâbo bamsulwa abaya kuhlala behleli kulo.

22 Ke bona abantu abakhohlakeleyo baya kunqanyulwa elizweni;abo bangamatshijolo baya kuncothulwa kulo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31