Izafobe 31 XHO96

Ukumkani uyacetyiswa

1 La ngamazi kakumkani uLemweli, udaba olundilisekileyo awaqeqeshwa ngalo ngunina.

2 “Awu, mtanam, sana lwesizalo sam,nyana wezibhambathiso zam,

3 amandla akho musa ukuwaqoba ngamankazana,iindlela zakho ungazilahleli kwabo babhangisa ookumkani!

4 “Lemweli, iwayini ayibafanelanga ookumkani,ewe, ookumkani ayibafanelanga;iziphathamandla akulunganga zizinikele etywaleni.

5 Kaloku zakusela zitsho ziwulibale umthetho,zingabi sawakhathalela amalungelo abantu abahlelelekileyo.

6 Utywala bufanele abo kungasekho thuba kubo,abo baminxekileyo ziinzingo.

7 Kaloku bona bakusela bayabulibala ubuhlwempu babo,bangabi sazikhumbula neengxaki zabo.

8 “Thetha ubamele abantu abangakwaziyo ukuzithethelela;ncedisana nabo uwakhusele amalungelo eendwayinge.

9 Bamele ubabonelele ngokwasemthethweni;ncedisana nabo abahlelelekileyo nabasweleyo.”

Umfazi onesidima

10 Awu, akanqabe ngako umfazi onesidima!Lingaphezulu lee nakumatye anqabileyo ixabiso lakhe!

11 Onjalo uthenjiwe mpela yindoda yakhe,futhi ke ayihlelelekanga nganto.

12 Uyiphatha kakuhle, kungabi kakubi,yonke imihla yobomi bakhe.

13 Uthatha umqhaphu newulu,asebenze ngenkuthalo ngezandla zakhe.

14 Uhamba njengeenqanawa zabarhwebi,efuna ukutya kosapho nakwelikude.

15 Uvuka kusathi qhekre ukusa,alungiselele usapho ukutya,anike izicakazana zakhe imiyalelo.

16 Uyayigqala intsimi, aze ayithenge,athathe kwimali ayisebenzeleyo, atyale isidiliya.

17 Usoloko ebhinqa omfutshane;iingalo zakhe zimelana nawo wonke umsebenzi.

18 Uyayiqwalasela inzuzo yokushishina kwakhe;isibane sakhe asicimi ebusuku.

19 Izandla zakhe aziyeki ukuphotha,neminwe yakhe ayisuki kumashini wokuluka.

20 Isandla sakhe sisoloko sivulekile kumahlwempu;ewe, izinwe zakhe zifikelela nakwabasweleyo.

21 Akanaxhala noba selikhithika,kuba kaloku usapho lwakhe lunezingayiwayo iimpahla zobusika.

22 Uzenzela iingubo zokwandlala ezihonjisiweyo kunene;unxiba ezelaphu elihle elimsobo.

23 Nendoda yakhe iyaziwa enkundleni ngasemasangweni,apho ihlala khona namadoda amakhulu elizwe.

24 Uthunga impahla entle yokunxiba, athengise ngayo;wenza imixwayo ayithengise kubarhwebi.

25 Uthiwe jize ngamandla nesidima,ibe ke akanaxhala ngengomso.

26 Xa evula umlomo uthetha ngobulumko;xa enika iziluleko oko ukwenza ngenceba.

27 Ulalusile ikhaya lakhe;akasidli isonka sobuvila.

28 Abantwana bakhe bayamhlonela, bathi unoyolo;nendoda yakhe ungayiva imncoma, isithi:

29 “Baninzi abafazi abenza imisebenzi emihle;kodwa wena ubagqwesa bonke!”

30 Umfazi onomtsalane angakukhohlisa, ke bona ubuhle buyatshitsha;kuphela ngumfazi ohlonela *uNdikhoyo oya kubongwa.

31 Ncoma umwonge ngenxa yoko kwenziwa zizandla zakhe;ewe, makutyibelwe kudombozwe ngemisebenzi yakhe naphaya emasangweni.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31