Izafobe 13 XHO96

1 Unyana osisilumko uyayithobela ingqeqesho kayise;ke yena ongumgxeki akakufuni ukululekwa.

2 Umntu ufumana ulutho axhamle isiqhamo sokuthetha kwakhe;kambe ke wona umnqweno wabantu abanganyanisekanga bubundlobongela.

3 Lowo uwubopha ngomkhala umlomo wakhe ukhusela ubomi bakhe;kanti ke yena othetha gqitha uyazenzakalisa.

4 Ivila liyanqwenela lingazuzi nto noko;kambe yena umntu okhutheleyo uyalangazelela aneliseke.

5 Ilungisa libuthiyile ubuxoki,ukanti yena umntu okhohlakeleyo uthanda amanyondololo namahlazo.

6 Ubulungisa bulondoloza ihambo yomntu othe ngqo;kanti ke inkohlakalo iyambhukuqa umoni.

7 Abanye abantu ngathi zizityebi kanti abananto;bambi ke ngathi bahlwempuzekile kanti ke bemi kakuhle.

8 Kusenokwenzeka ukuba ubutyebi bomntu bube yintlawulo yobomi bakhe;kanti ke lona ihlwempu alazani nokugrogriswa.

9 Isibane selungisa siqaqambile;ke sona esomntu okhohlakeleyo siyancumeza.

10 Ikratshi liphembelela ingxabano;ke bona ubulumko buzuzwa ngabo bamkela iingcebiso.

11 Ubutyebi obufumaneka bumini buphuncuka lula;obufumaneka ngendlela ecothayo buya busanda ngokwanda.

12 Umnqweno ongafezekiyo uyamngcungcuthekisa umntu;kanti ke wakufezeka umnqweno ufana nomthi onika ubomi.

13 Umntu ozidelayo iziluleko uzibizela intshabalalo;kambe ke yena owuhlonelayo umyalelo uya kuba nomvuzo.

14 Imfundiso yesilumko ngumthombo wobomi,kuba umntu imhlangula kwizabatha zokufa.

15 Umntu oqiqayo uyahlonelwa;kanti ke yona indlela yabangathembekanga iyadaka.

16 Umntu onengqondo uyaqiqa phambi kokuba ayenze into,kodwa yena umntu osisiyatha uyabudandalazisa ubutyhakala bakhe.

17 Umthunywa ongathembekanga uzifaka enkathazweni;kambe ke yena onyanisekileyo uzisa ukuphila.

18 Umntu ongakhathalele ngqeqesho ulandelwa kukuhlazeka nobuhlwempu,ke yena oziphulaphulayo iziluleko uyahlonelwa.

19 Ukufezeka komnqweno luyolo emphefumlweni.Iziyatha ziyakucekisa ukwahlukana nobubi.

20 Umntu ovana nezilumko naye uba sisilumko;ke yena otshomana nezityhakala uyenzakala.

21 Umoni uthiwa mbende ngamashwa,kanti ke yena olungisayo uvuzwa ngenkqubela.

22 Umfo obhadlileyo ubashiyela ilifa abazukulwana bakhe,ke bona ubutyebi besityhakala lilifa lamalungisa.

23 Umhlaba oqala ukulinywa ungawanika ukudla okuninzi amahlwempu,kambe ke xa kungekho bulungisa kutshayelwa kuphele.

24 Umntu ongalusebenzisiyo uswazi umthiyile umntwana wakhe;kanti ke yena omthandayo uyamqeqesha ngokufanelekileyo.

25 Umntu olilungisa utya aneliseke,ukanti isisu sokhohlakeleyo sambathwa liphango.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31