Izafobe 16 XHO96

1 Umntu uyazenza izicwangciso,kodwa lona ilizwi lokugqibela lelikaNdikhoyo.

2 Zonke iindlela zomntu zilungile kwawakhe amehlo,kodwa nguNdikhoyo ocikida iinjongo zazo.

3 Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho.

4 UNdikhoyo unenjongo ngayo yonke into;ewe, kwanomntu lo ukhohlakeleyo umenzele imini yobubi.

5 UNdikhoyo umthiyile umntu ontliziyo inekratshi;ngokuqinisekileyo ngekhe agwetyelwe.

6 Ngako ukuthembeka nokunyaniseka isono siyacanyagushelwa;ngokuhlonela uNdikhoyo umntu uyabucezela ububi.

7 Ukuba uNdikhoyo uyakholiswa yihambo yomntuneentshaba zakhe zitsho zihlalisane naye ngoxolo.

8 Akunani kwaintwana engephi oyizuze ngendlela elungileyokunentabalala yengeniso oyifumene ngondlela-mnyama.

9 Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.

10 Ukuthetha kukakumkani kuba ludaba olundilisekileyo;umlomo wakhe mawungabi naxanasi xa agwebayo.

11 UNdikhoyo ufuna kusetyenziswe isilinganiso nesikali esingenagobe;ubunzima bamatye okuveyisha mabube ngokwezigqibo zakhe.

12 Ookumkani bayabucekisa ubugwenxa;kaloku uburhulumente buzinziswa bubulungisa.

13 Ookumkani bayakholiswa ngumntu onyanisekileyo;ewe, bayamxabisa umntu othetha inyaniso.

14 Umsindo kakumkani sisigidimi sokufa;ke yena umntu olumkileyo uyamthomalalisa.

15 Xa bukhululekile ubuso bukakumkani kudliwa ubomi;ukwamkeleka kuye nqwa nemvula entlakohlaza.

16 Kulungile ukuzuza ubulumko kunokufumana igolide;kungcono ukukhetha ulwazi kunokwamkela isiliva.

17 Umntu othe ngqo uhamba ngendlela ebucezelayo ububi;ewe, oyalusayo indlela yakhe ulondoloza ubomi bakhe.

18 Ikratshi lilandelwa yimbubho;ke kona ukudelela kutshayelela ukuwa.

19 Akunani kwaukugqush' eluthulini nabahlelelekileyokunokuxhaphaza amaxhoba nabakhukhumeleyo.

20 Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela;ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo.

21 Isilumko esizinzileyo siduma ngengqondo;ubuciko baso busenza silandelwe ngabantu.

22 Ingqiqo ngumthombo wobomi kwabo banayo;kambe ke imfundiso yeziyatha bubudenge.

23 Isilumko siyawabala amazwi esiwathethayo;intetho yaso isenza silandelwe ngabantu.

24 Amazwi amyoli nqwa nobusi;ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni.

25 Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emehlweni abantu,kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.

26 Indlala imenza umntu ukuba asebenze;ewe, iphango limtyhalela ekuxelengeni.

27 Itshijolo lihlala liqingqa ububi;kwa-amazwi nje alo agqatsa njengomlilo.

28 Umntu onobugwenxa udala ingxabano;umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo.

29 Indlavini iyamkhukulisa ummelwane,imkhokelele kwimikhuba ephuthileyo.

30 Omana ewancina amehlo uceba ubugwenxa;ohlala eluma umlomo utyekele ebubini.

31 Izimvi sisithsaba sobuhandiba;zizuzwa ngabaphila ngobulungisa.

32 Onomonde ulungile kunegorha;olawula umsindo wakhe ungcono kunothimba isixeko.

33 Abantu basenokulenza *iqashiso,kanti ke ngumnwe kaNdikhoyo ofezekisayo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31