Izafobe 3 XHO96

Icebiso kulutsha

1 Mfo wam, sukuyilibala imfundiso yam,koko mayihlale ihleli imiyalelo yam engqondweni yakho.

2 Kaloku imfundiso yam iya kukongezela imihla emininzi,ikwandisele iminyaka noxolo.

3 Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.

4 Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,ube negama elihle kuThixo nasebantwini.

5 Kholosa *ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.

6 Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho.

7 Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho;ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.

8 Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho,atsho omelezeke amathambo akho.

9 Rhuma ngobuncwane bengeniso yakho, uzimase uNdikhoyo;ewe, menzele umnikelo ngolibo lwemveliso yakho.

10 Ukuba uyayenza le nto ziya kutsho zizale izisele zakho yindyebo;kanti ke neentsuba zakho ziya kuhlala ziphuphuma yiwayini entsha.

11 Mfo wam, musa ukuyidela ingqeqesho kaNdikhoyo,ungasicekisi isiluleko sakhe.

12 Kaloku uNdikhoyo uyamluleka umntu amthandayo,kwanjengokuba uyise emohlwaya unyana anebhongo ngaye.

13 Unenyhweba kambe umntu obufumeneyo ubulumko;nditsho lowo ukuzuzileyo ukuqonda.

14 Kaloku bona ubulumko yingeniso engaphezu kwayo nesiliva;nditsho negolide ayithathi nto kubo.

15 Ewe, bungaphezulu lee nakumatye axabisekileyo.Kuzo zonke izinto onokuzinqwenela ayikho edlula ubulumko.

16 Kaloku isandla sabo sokunene siqhelezela bubomi,kanti kwesokhohlo buxakathe ubutyebi nesidima.

17 Iindlela zabo ziindlela ezimnandi;ewe, xa zizonke zizisa uxolo.

18 Bungumthi wobomi kwababambelela kubo;bonwabile abo babuzuzileyo.

19 Kaloku uNdikhoyo ihlabathi waliseka ngobulumko,namazulu ngokwawo wawazinzisa ngengqiqo yakhe.

20 Bubugcisa bakhe obagqabhuza iinzonzobila,namafu atsho afukama avuza umbethe.

21 Mfo wam, buxabise ubuchule ndawonye nobulumko bokuvisisana;ezi zinto mazingasitheli emehlweni akho.

22 Ziya kukuthi jize ngobomi,zibe sisihombiso sentamo yakho,

23 utsho uhambe ungenaxhala,unyawo lwakho lungenakukhubeka ntweni.

24 Ngokuhlwa uya kungqengqa ungaphaphazeli,ulale uthi yoyi ubusuku bonke.

25 Awuyi kuba sayixhalela intshabalalo equbulayo,ngokunjalo nesibetho esifikela izikhohlakali.

26 Kaloku uNdikhoyo uya kukugcina ukhuselekile;soze aluyekele unyawo lwakho lungene emgibeni.

27 Musa ukwala nento elungileyo konelungelo ngayo,ngakumbi xa kusemandleni akho ukumnceda.

28 Musa ukuthi kummelwane wakho:“Hamba, uze uphinde ubuye;ndiya kukunika ngomso,”kanti unalo uncedo kuwe.

29 Ungaze umenzele iyelenqe ummelwane wakho;kaloku uhlala ngakuwe ekuthembile.

30 Musa ukuxabana nomntu ngaphandle kwesizathu,engakwenzanga nto imbi.

31 Musa ukuyilangazelela inzuzo yomntu okhohlakeleyo;ndaweni yaloo nto zicezele iindlela zakhe.

32 Kaloku ulisikizi kuNdikhoyo umntu olitshijolo;kodwa abathe tye bangamathenjwa akhe.

33 UNdikhoyo uwushwabulele umzi womntu okhohlakeleyo;kanti ke wona umzi welungisa uyawuthamsanqela.

34 Ke bona abantu abagxekayo uphoxisa ngabo,aze abenzele isisa abo bazithobayo.

35 Abantu abalumkileyo baya kulidla ilifa udumo;ke zona iziyatha ziya kwambathwa lihlazo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31