Izafobe 7 XHO96

Isiyalo ngomkrexezikazi

1 Mfo wam, wagcine amazwi am,uyimilisele kuwe imiyalelo yam.

2 Ukuba uyayilandela imimiselo yam uya kubudla ubomi.Ewe, imfundiso yam yilondoloze njengokhozo lweliso lakho.

3 Imiyalelo yam zikhumbuze ngayo ngokungathi ibotshelelwe eminweni yakho,ihlale ibhaliwe engqondweni yakho.

4 Yithi kubulumko: “Wena ungudade wethu,”kwingqiqo uthi: “Wena ungumwethu.”

5 Xa kunjalo ke uya kusinda kumfazi okrexezayo,ungabi nakufumaneka kumfazi wasemzini okulalanisayo ngamazwi.

6 Ndikrobe ngefestile yendlu yam,ndalunguza ndingasemva kwenqwanqwa,

7 ndabona abafana abaswele ukuqonda,phakathi kwabo ndaqaphela omnye osisityhakala.

8 Wahamba ke esitalatweni apho,waya kubhijela ngekona ngasendlwini yomfazi othile.

9 Ngelo xesha ke kwakungongcwalazi, imini seyisangene,ubusuku nobumnyama sebunkqonkqoza.

10 Nâko ke kusithi gqi umfazi emkhawulela,ethe wambu ezobuhenyukazi, eneenjongo ezigwenxa.

11 Wayengungantweni womfazi othethela phezulu,engunyawo lwambethe indlela.

12 Uthi esezitalatweni abe sezindaweni zembutho,abe elunguza nasezirhangeni.

13 Lo mfazi usuke wamgona umfana lowo, wamanga;ngobuso obungenazintloni wathi kuye:

14 “Ekhaya ndenze amadini obudlelwane;namhlanje ndizifezekisile izibhambathiso zam.

15 Ndilapha nje ke bendikhangela wena,kambe ke ngoku nguwe lo, ndikufumene!

16 Nomandlalo wam ndiwulungisile;ndiwuthe wambu ngengayiwayo ilinen yaseJiputa.

17 Ewe, umandlalo wam sendiwuqholengoozimore, ikhala, ndawonye nesinamon.

18 Yiza ke, masibe seluthandweni kude kuse;ewe, masizonwabise ngalo!

19 Kaloku owakwam usathe tshalala;uthathe uhambo olude, akekho ekhaya.

20 Umke isipaji sakhe sizele yimali;uya kubuya ukuthwasa kwenyanga.”

21 Wamlalanisa ngaloo ntetho yakhe igudileyo,wamwexula ngamazwi ezicengo zakhe.

22 Nanko ke selerhorhozela kwangoko emva kwaloo mfazi,selengathi yinkomo eya ekuxhelweni.Ungena okwesiyatha emgibeni,

23 luze utolo lumchane isibindi.Oku kwentaka engqala esigwiniulahlekelwa bubomi bakhe engaqondi.

24 Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni,niwathathele ingqalelo amazwi am!

25 Musa ukulandelana neendlela zomfazi onjalo,ungaze ulahlekele kuzo.

26 Kaloku zininzi iingxwelerha aziwisileyo;linani eliphezulu amadoda awabuleleyo.

27 Xa usiya endlwini yakhe usinga ekufeni;ewe, uhlela kumagumbi elabafileyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31