Izafobe 9 XHO96

Isimemo sobulumko

1 Ubulumko buyakhile indlu yabo,bayenzela iintsika ezisixhenxe.

2 Ubulumko buxhelile, bayixuba newayini;kwaye netafile sebuyidekile.

3 Buthume izicakazana ukuba zime ezindulini,zazise apho edolophini, zithi:

4 “Yizani nonke, nina bangaqondiyo.”Kanti ke kwabaswele ukuqonda buthi:

5 “Ngenani nitye ukutya endikulungisileyo,nisele newayini endiyixubileyo.

6 Lahlani ubuyatha, khon' ukuze niphile;hambani ngendlela yeengqondi.

7 “Othethisa umgxeki uzibizela ukuthukwa;okhalimela isikhohlakali udibana nokunyeliswa.

8 Sukuziduba ngokululeka umgxeki kuba wosuka akucaphukele;kambe ke wakululeka isilumko sitsho sikuhloniphe.

9 Wakusifundisa isilumko sitsho silumke ngaphezulu.Ukuba uyalicebisa ilungisa litsho longeze ulutho kulwazi lwalo.

10 “Isiseko sobulumko kukuthobela *uNdikhoyo;umntu omaziyo oyiNgcwele kanye uzuza ingqiqo.

11 Mna bulumko ndoyenza ibe mininzi imihla yakho,ndiyongeze iminyaka yobomi bakho.

12 Xa usisilumko woncedwa bubulumko bakho;kanti xa ungumgxeki iya kuba nguwe kanye ohluphekayo.”

Isimemo sobudenge

13 Umfazi onguNobudenge usoloko engxola;yindlavinikazi engazi nto.

14 Uthanda ukuhlala emnyango endlwini yakheokanye kwiindawo eziphezulu edolophini,

15 ufike selemana ekhwaza abantu abadlula ngendlela,behamba bexakeke yimicimbi yabo,

16 esithi: “Yizani apha nonke, nina bangaqondiyo!”Kwabaswele ukuqonda uthi:

17 “Akamnandi ngako amanzi abiweyo!Kanti ke nokutya okutyiwa ekufihlekeni kokona kunencasa.”

18 Abamphulaphulayo abaqondi ukuba kukufa okubalindele apho;abazi ukuba abo bakhe bamtyelela xa kungokunje bakwelabafileyo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31