Izafobe 28 XHO96

1 Umntu okhohlakeleyo ubaleka kungekho mntu umsukelayo;ke wona amalungisa anobuganga njengeengonyama.

2 Xa ilizwe linovukelo baba baninzi abafuna ukuphatha,kodwa xa kukho ophatha ngengqiqo nolwazi uyazinza.

3 Umfo osweleyo otshutshisa amahlwempuuyafana nesikhukula esizitshabalalisayo izilimo.

4 Izaphula-mthetho ziyazincoma izikhohlakali,kambe ke bona abawuthobelayo umthetho bayazichasa izikhohlakali.

5 Abantu abagwenxa ababuqondi ubulungisa;kanti ke abo bazondelela uNdikhoyo baqonda zonke izinto.

6 Lilungile ihlwempu elihambo ingenabalangaphezu komkhohlisi ondlela zimbaxa nokuba usisityebi.

7 Umntwana onengqondo uyawuthobela umyalelo;ke yena otshomana noongantweni ubaphathela ihlazo abazali bakhe.

8 Umntu ozuza ubutyebi kuba ebolekisa aze axhaphaze abantu ngenzala ayibizayo,obo butyebi abuqokelelayo busuka bufunyanwe ngumntu wumbi owazelelelayo amahlwempu.

9 Umntu ozivalayo iindlebe zakhe kuwo umthetho kaThixokwaumthandazo wakhe uyanyanyeka kuThixo.

10 Umntu owexulela amalungisa ekwenzeni ububi uya kweyela kwakuloo mgibe wakhe,kanti ke bona abamsulwa baya kukudla ilifa okulungileyo.

11 Isinhanha silumkile kwawaso amehlo,kanti ke lona ihlwempu eliqiqayo liyasibona into esiyiyo.

12 Xa amalungisa athe aphumelela kuba yimivuyo nemincili,kodwa ke xa kuthe kwaphakama izikhohlakali abantu bayabaleka bazimele.

13 Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba.

14 Unoyolo umntu ohlala ezoyikela;ke yena oqaqadekileyo uhlelwa ziinkathazo.

15 Isiphathamandla esikhohlakeleyo, esilawula abantu abangenakuzilwela,sinjengengonyama egragramayo, okanye ibhere ehlaselayo.

16 Umlawuli ongenangqondo uba ngumcinezeli;ke yena umlawuli oyithiyileyo inzuzo yobuqhetseba uba nexesha elide.

17 Umntu ongcungcuthekiswa lityala lokubulala woba ngumsabi ade afe;makungabikho bani umxhasayo.

18 Umntu ohamba ngengqibelelo uyakhuseleka ebomini;ke yena ondlela zimbaxa uyenzakala ngephanyazo.

19 Umntu owalimayo amasimi akhe akasweli kutya,kanti ke yena osukelana namampunge uvuna ubuhlwempu.

20 Umntu othembekileyo uyathamsanqeleka;kanti ke yena ongxamele ubutyebi akaze abe msulwa.

21 Ukujonga ubuso akulunganga;kodwa ke abanye abantu bangade bone nangenxa yeqhekeza eli lesonka.

22 Umntu oligqolo usukelana nobutyebi;akaqondi ukuba usenokufikelwa bubuhlwempu.

23 Omkhalimelayo umntu wothi kamva afumane ukuhlonitshwakunalowo untetho ilalanisayo.

24 Umntu oxhaphaza uyise nokuba ngunina, kodwa abe esithi: “Akukho nto imbi kuloo nto,”akahluke nganto kwisikrelemnqa.

25 Umntu onyolukileyo uphemba uqhushululu;kambe ke yena okholosa ngoNdikhoyo uya kuphumelela.

26 Umntu ozithembileyo akanangqondo;kodwa yena ohamba ngendlela yobulumko ukhuselekile.

27 Umntu onezinwe kumahlwempu akasweli nto;ovala amehlo akhe kwiintswelo zawo wohlala eqalekiswa.

28 Xa kulawula izikhohlakali abantu bayabaleka bazimele,kodwa zakutshabalala amalungisa aba nempumelelo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31