Izafobe 15 XHO96

1 Impendulo ethambileyo iyawuthibaza umsindo,kanti ke wona amazwi akrwempayo ahlobisa igazi.

2 Izilumko ziphokoza ulwazi xa zithethayo;kanti ke zona izityhakala zithulula ubudenge.

3 UNdikhoyo uyazibona zonke izinto ezenzekayo;ubakhangele abenza okubi nokulungileyo.

4 Amazwi axolelanisayo angumthi wobomi;ke wona awenkohlakalo ayawaphula umoya.

5 Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo.

6 Ubutyebi buyagcinakala emzini womntu olungileyo;kanti ke yona ingeniso yesikhohlakali isiphathela inkathazo.

7 Umlomo wesilumko usasaza ulwazi;phofu ke akunjalo kwintliziyo yesityhakala.

8 Amadini omntu okhohlakeleyo alisikizi kuNdikhoyo,kambe ke uyayamkela imithandazo yabantu abathe ngqo.

9 UNdikhoyo uyazicaphukela iindlela zabantu abakhohlakeleyo,kodwa uyabathanda abo bathene mbende nezinto ezifanelekileyo.

10 Umntu ophambukayo endleleni wohlwaywa qatha;ke yena okuthiyileyo ukululekwa uya kufa.

11 Ingcwaba nelabafileyo azifihlakalanga kuNdikhoyo;zibeka phi ke ukungafihlakali iingcamango zomntu kuye?

12 Abagxeki abafuni kucetyiswa,bengafuni nokuya nakwizilumko.

13 Umntu oxolileyo ukhangeleka enemihlali,kanti ke yena oneenzingo uyanxuba.

14 Umntu onengqondo usoloko elangazelela ukufunda;kanti ke sona isidovela saneliswa kukumatha.

15 Yonke imihla yomntu olusizana ngamabona-ndenzile,kambe ke kumntu ochwayithileyo ubomi busoloko bufana netheko.

16 Kubhetele ukuba lihlwempu elihlonela uNdikhoyokunokuba sisinhanha esiphethwe ngamaxhala.

17 Xa ukho umoya wobudlelwana akunani nokuba utya imifuno,ndaweni yokutya inyama yenkomo etyetyisiweyo ikhatshwa yintiyo.

18 Umntu onephuku uphembelela uqhushululu;kanti ke yena onomonde uyayiphelisa ingxabano.

19 Indlela yevila soloko ibekelwe ameva;phofu ke yona eyabathe ngqo iphangalele.

20 Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise;ke yena umntu osisiyatha uyamdela unina.

21 Umntu ongabhadlanga engqondweni uvuyiswa bubi,ke yena onengqondo ihambo yakhe ithe ngqo.

22 Apho kungekho kucebisana izicwangciso ziyabhanga,kanti ke apho kukho abacebisi abaninzi ziyaphumelela.

23 Hayi ukuvuya komntu oyaziyo impendulo echanekileyo!Ewe, ilizwi elithethwe ngexesha elililo lihle kunene.

24 Indlela yomntu onengqondo isinga phezulu ebomini;yena uyayiphepha indlela ehlayo eya kwelabafileyo.

25 UNdikhoyo uyayidiliza imizi yabantu abanekratshi;kanti ke uyawukhusela umhlaba womhlolokazi.

26 UNdikhoyo uyazicaphukela iingcinga zabantu abagwenxa;kanti ezabanyulu zamkelekile kuye.

27 Umntu onyolukileyo uyihlisela inkathazo indlu yakhe;ke yena okuthiyileyo ukunyotywa uya kudla ubomi.

28 Umntu olilungisa uyacinga phambi kokuba aphendule;ke wona umlomo womntu okhohlakeleyo uphuphuma ububi.

29 UNdikhoyo ukude kubantu abakhohlakeleyo;phofu ke uyayiphulaphula imithandazo yamalungisa.

30 Imbonakalo echwayitileyo izisa ulonwabo entliziyweni;ibe ke zona iindaba ezimnandi ziyahlaziya emathanjeni.

31 Umntu ophulaphula ukucetyiswa uya kudla ubomi,azive esekhaya phakathi kwezilumko.

32 Umntu ongayifuniyo ingqeqesho uyazilimaza yena ngokwakhe:kanti ke yena ovayo akululekwa uzuza ukuqonda.

33 Ukuhlonela uNdikhoyo kufundisa ubulumko;indlela eya ewongeni yintobeko.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31