Izafobe 30 XHO96

Amazwi ka-Agure

1 Nanga amazwi ka-Agure unyana kaYake, udaba olundilisekileyo. Yasuka yadanduluka indoda leyo, yathi kuItiyeli, ewe, uItiyeli noUkali:

2 “Kaloku ndisesona sidenge ebantwini;kwaye ingqondo yomntu ayikho kum.

3 Zange ndabufunda ubulumko;andimazi lowo uyiNgcwele kanye.

4 Kanti ke, ngubani oselekhe waya ezulwini wabuya wehla;ingubani owakha wawubamba ngezakhe izanda umoya?Khona, ngubani owakha wabamba amanzi wawaqhinela ngesondo lengubo yakhe;ingubani khona owamisa imida yehlabathi?Khawutsho kaloku, ukuba unolwazi!Ngubani igama lakhe;ingubani unyana wakhe?

5 “Yonke into ayithethayo uThixo ithembekile;ulikhaka kwabazimela ngaye.

6 Musa ukongeza kwintetho yakhe,hleze akukhalimele, budandalaze ubuxoki bakho.”

Ezinye izafobe

7 Awu, Bawo, zimbini nje qha izinto endizicelayo kuwe;ewe, ndiphe zona ndingekafi!

8 Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka;mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke,nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla,

9 hleze ndikukhanyele ndakuhlutha,ndisuke ndithi: “Kuxa engubani yena *uNdikhoyo?”Ukanti ke naxa ndihlwempuzekile ndingasuka ndibe,ndihlazise igama likaThixo wam.

10 Isicaka sukusigxeka enkosini yaso,hleze sikushwabulele ube nobutyala.

11 Abanye abantu bayamshwabulela uyise,bangamthamsanqelisi nonina.

12 Bona bazicingela ukuba banyulu,kodwa babe bengazange bahlambuluka.

13 Aba bantu bazicingela bhetele.Awu, baziphakamisile kambe!

14 Basisizukulwana esimazinyo aziingxavula okwekrele,esimabamba abukhali okwemela,khon' ukuze baxhaphaze amahlwempu ehlabathini,ewe, nditsho abasweleyo phakathi kwabantu.

15 Ikhalane lineentombi ezimbini;zithi: “Ndiphe! Ndiphe!”Ewe, zintathu izinto ezingahluthiyo,gxebe, zine ezingasoze zithi: “Kwanele!”:

16 elabafileyo;umfazi ongafumani bantwana;umhlaba onxaniweyo;nomlilo ongatshoyo ukuthi: “Kwanele!”

17 Amehlo omntu ophoxisa ngoyise nocekisa ukuthobela uninaaya kuxholwa ngamahlungulu, anqwamzwe ngamaxhalanga.

18 Kukho izinto ezintathu eziyintsonkotha kum;gxebe, zine endingaziqondiyo:

19 ukubhabha kokhozi esibhakabhakeni;ukurhubuluza kwenyoka elulwalweni;ukuhamba kwenqanawa enzulwini yolwandle;ukuthandana komfana nentombi.

20 Inje indlela yomfazi okrexezayo:Uyadla, asule umlomo,athi: “Andenzanga nto imbi!”

21 Zintathu izinto ezilishukumisayo ihlabathi;gxebe, zine elingenako ukuzinyamezela:

22 kukuba phantsi kwekhoboka eliye laba ngukumkani,okanye isiyatha xa sithe sahlutha kukutya;

23 kukuba phantsi kwebhinqa ebelingafunwa elide latshata,okanye isicakazana xa sithe sathatha indawo yenkosikazi yaso.

24 Kukho izinto ezine ezincinane emhlabeni,kodwa zilumke gqitha.

25 Iimbovane ziluhlanga oluethe-ethe,kodwa ziqokelela ukutya ehlotyeni.

26 Iimbila zisisizwe esingenamandla,kanti zimisa izindlu zazo emaweni.

27 Iinkumbi azinankosi,kodwa zihamba amaqela ngamaqela.

28 Icikilishe yinto ongayibamba nangesandla sakho,kodwa liyafumaneka nakumabhotwe ookumkani.

29 Zintathu izinto ezibukelekayo xa zihamba;gxebe, zine ezichul' ukunyathela:

30 yingonyama, igorha phakathi kwezilwanyana,yona ingahlehliyo nakweyiphi na into;

31 ngumqhagi ondolosayo;yinkunzi yebhokhwe;ngukumkani ephahlwe ngumkhosi wakhe.

32 Ukuba wenze izinto zobudenge waziphakamisa,okanye ukuba uthe waceba ububi,khawuthi xha!

33 Wakulucofa ucwambu kuvela ibhotolo,wakuyixhimfa impumlo isuka yophe,wakuxhokonxa umsindo kugqabhuka imbambano.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31