Izafobe 5 XHO96

Izilumkiso

1 Mfo wam, buve ubulumko bam,ukubazele iindlebe ukuqonda kwam,

2 ukuze ube nako ukuzilungelelanisa izinto,futhi ukwazi ukuthetha ngengqiqo.

3 Kaloku imilebe yomfazi ongakwaziyo ukuziphatha ivuza ubusi;kwaye nenkalakahla yakhe igudile kunamafutha omnquma.

4 Kanti ke ekugqibeleni uba nobukrakra okomhlonyane,akwenzakalise okwekrele elibukhali macala.

5 Kaloku iinyawo zakhe zisinga ekufeni;ukunyathela kwakhe kubheka ngqo engcwabeni.

6 Uyakuwexula kwindlela eyeyobomi;ube wena ungayazi loo nto.

7 Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni,ningashenxi koko ndinixelela kona.

8 Ewe, ndithi mcezeleni umfazi onjalo,ningasondeli nasemnyango wendlu yakhe,

9 hleze amandla enu axhatshazwe ngabanye,niyinike isikhohlakali iminyaka yenu.

10 Ewe, xa ningeva ikamva lenu liya kuxhanyulwa ngabasemzini,zize zona izinto eniziqwebileyo zibe sisisulu seentlanga.

11 Ekugqibeleni ke yoba ziincwina zodwa ugcuma,ube wona umzimba wakho uvuthuluka nezihlunu zawo.

12 Uya kuthi: “Akwaba ndandingazange ndiyithiye ingqeqesho;akwaba ndandiziphulaphule iziluleko.

13 Ngenene zange ndiwaphulaphule amazwi âbo babendiyala,zange ndiyibazele iindlebe imfundiso yabandilulekayo.

14 Ngoku ke naku ndizibhaqa sendisehlazweniekuhlaleni naseluntwini.”

15 Nyaniseka kumfazi wakho;ewe, sela amanzi kwelakho iqula.

16 Ngani ukuba abantwana bakho bathi saa,oku komthombo omanzi wawo aphuphumela esitalatweni?

17 Abantwana bakho mayibe ngabakho wedwa;sukuvuma baxhatshazwe nangabasemzini.

18 Ewe, ziyolise nomfazi wakho weenkomo,abe ngumthombo olithamsanqa lakho –

19 nditsho loo nzwakazi imanz' andonga,elo bhadikazi lihle kunene!Isifuba sayo sanga singakutsho ube nemihlali,ikurhawule ngolo thando lwayo, utsho uthi ncithi.

20 Mfo wam, ngani ukuba ude uthinjwe ngumfazi ongakwaziyo ukuziphatha?Ngani ukuba ugonane nomka-mntu?

21 Kaloku zonke izinto ezenziwa ngumntu ziyabonwa *nguNdikhoyo;zonke iindlela zakhe uzijongile.

22 Ke zona izenzo zomntu okhohlakeleyo zibambisa kwayena,ajike akhonkxwe kwasisono sakhe.

23 Ubulawa kukungaqeqesheki;ewe, uphuphuthekiswa bubuhiba bakhe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31